Thuliswa: Ndim tshomi ndivulele torho, ndizokunikroba nilale njani.

Busiswa: (Ethethela phantsi kwaye ecinga nzulu) Silele njani? Kanti uThuliswa uyayazi lento naye? Makakhe angene azokutsho achophe ayichaze.

Big D: (Etsibela ucango eluvula) Ngena Miss T ndisengxakini apha yho!

Busiswa: Yhe tata ndithe phuma endlini yam goduka. Khona utheni wazenza indoda yalapha neminyango ivulwa nguwe? Sowuyazi nokuba kuvulwa njani, uhlala apha nje ungatsho…

Thuliswa: Hayibo tshomi, what a bad service to my client. Wenzentoni tshomi akazipasanga iimviwo?

Busiswa: Hee! Waze wavelelwa ntombi yakwa-Ntsundu, ziimviwo zantoni ngoku ezo?

Thuliswa: Hayibo Big D wohlulwe kukupasa iimviwo kodwa lomntu ebeqala ukudibana nendoda ngawe? Nestafu sethu ebesisitya izolo besiwulungele umcimbi lona kodwa woyisakele? Hayi ndincamile, uyandityhafisa kengoku.

Busiswa: Khawutsho ke ntombi kwenzeke ntoni? Mna ndigqibele sisela utywala izolo andazi kengoku ukuba kwenzeke ntoni. Thetha Thuliswa ndimamele. (Enomsindo)

Big D: Eysh! Miss T andizithandi ke mna izinto ezinje ngetshomi yakho, she is so unprofessional mani. Izolo ebethetha kamnandi sonwabile namhlanje she acts as if nothing happened between us!

Busiswa: Thuliswa ndithe kuwe khawutsho kwenzeka ntoni apha kanye kanye ngokuba ndiyeva ukuba unolwazi?

Thuliswa: Hayibo tshomi ndafika uhleli nendoda nincokola ngoku ndakungena ubuze kum ukuba isuka phi indoda yakho?

Busiswa: Khawuyeke torho ukuba ube undehlisa undinyusa, wena cacisa nje lendawo ndiyifunayo ngokuba mna ndigqibele ndihamba nawe izolo.

Thuliswa: Sithe xa sibuya izolo wena wacela uBig D ukuba azokulalisa ngokuba umthandile. Uthande nendlela ebekonwabisa ngayo izolo ekuthengela neziselo.

Busiswa: Ndingathini ukwenza lonto na kodwa uyazi nawe ndithanda uYonela wam?

Thuliswa: Kodwa izolo ubulibele tu ngaye tshomi bowonwatyiswe nguBig D ungafuni nokuva.

Busiswa: Izolo uYonela ebelapha wathini ke yena ndakufika nenye indoda ngokuba izolo ebendikhuphile? Ndikhumbula kakuhle qha ndigqibele esithi akagoduki ngokuba besekuhlwile.

Thuliswa: Hayike tshomi unyanisile nokuba ugxothwe nguwe ngoku ufika noBig D wathi makahambe namhlanje wena uphethe uMinister of finance. Wanyoshozela ke tshomi naye ukuhamba, nangoku inokuba ulele kwenye indlu kwalapha. Kaloku unayo intombi ehlala phaya kulamgangatho wesithathu.

Busiswa: Hee! Tywala buni na obu ndibutyileyo bundenze ndingakwazi ne bendikwenza. (Ezicingela) Inokuba lamfana unentombi ehlala apha ebethetha ngaye yileya yakhe, ewe mani ebethe kumgangatho wesithathu. Hee! Tshomi ndimgxothile na uYonela nyhani?

Thuliswa: Hayi mani tshomi libala ngaye, umgxothile qha ngoku uno Big D, uzakuphatha kakuhle .

Busiswa: Thuliswa! Ndiyamthanda uYonela futhi andiyi funi enye indoda.

Thuliswa: Nantsi nje sowude walala nayo walibala ngoYonela. Jonga nje into exela ukuba ubungamthandi ulele noBig D uqala nje nokudibana naye. Lo Yonela wakho webhongo yena unethuba uthandana naye kodwa awuzange walala naye. Hayi tshomi suzibhanxa apha mani, qhubani qha nina noBig D nonwabe.

Busiswa: Hee! Ndiyatsho akuzange kude kube lelixesha engekandifowuneli, kuyacaca nje ukuba uxabene. Kodwa Thuliswa ngumsebenzi wakho wonke lona, ukuba beningandiselisanga obutywala ngekungenje.

Thuliswa: Hayi suka mani wena libala ngalazincwadini wakho ngoku ufumene lento ekuthiwa yindoda ezakukhathalela. UseVasithi ngoku kufuneka uziphathe njengegqala ntombi.

Busiswa: (Elila, ecaphuka) Thuliswa ndicela uthathe lo Big D wakho niphume niphele kwam ndibethwe ngumoya ndiphole engqondweni.

Big D: Miss T suzimoshela nje ixesha apha lo sisi akabuboni ubomi ukuba bubheka ngaphi. Masihambe mani sishiye lentombi apha kulendlwana yayo ililisela ngayo. Ina ke ntombi nansti iR300, uqabule lobhabhalaza ubuyifakwe ndim, kaloku andifuni ukushiya nanye into yam apha, see me now see me nomore.

Thuliswa: Hayi mani Big D, you can not give up just like that. Anyways wena you not that kind of a man that gives up so easily. Jonga ke sisi it’s either you take it or leave it. Indaba yakho nalaYonelanyana webhongo wakho iphelile ngokuba umgxothile wena izolo ngokuba ubuhamba noBig D. Ndicinga ukuba lixesha lokuba uqhubeke nobomi ngoku futhi sana, obubomi abobomi bamabhetye-bhetye qina ke ntombi ubufumene ubomi ngoku. NoThixo unceda ozincedayo sisi kodwa ke kulungile, if you still need me, you know how to get intouch with me. Bye ke tshomi (Bevala ucango)

Busiswa: (Ezicingela, elila futhi) Kowu! Ndibenze ntoni ubomi bam ngoku? Ndizakuthini kumntwana wabantu lo ndimgxothe apha izolo ndimgxothela ukulala nexhego? Hayi naye uyakundincoma isibindi ndide ndimgxothe kanti ndizakulala nexhego elingaka lona. Yha! Yena he is too serious about life sometimes kodwa nangona bendonwabile izolo yena ndiyamthanda kodwa. Hayisuka, ndade ndazixakekisa, life is too short kakade unyanisile uThuliswa what if I move on and forget about everyuthing? Mandimxelele ngomso esikolweni uYonela kakade uThixo akaphi ngasandla, ngubani owaziyo ukuba this is my chance to live a good life. Kakade uyayazi lento andinako nokuyiqalela ngokuba ebekhona uzibonele naye okwenzekileyo akukho nto ndingayifihla apho. Kodwa obubomi ayibo obu endandiphupha ngabo mhla ndiphuma ekhaya ndisiza apha esikolweni, but now life seems to be so good and balanced to me. Ndiyabuphila obubomi kodwa nangona ndingabuthandi nje. Yhoo ndaze ndaxakeka madoda kanti ndifuna ntoni na mna? Kodwa eliyinene obubomi bobam andi it’s my baby to babysit no one else can tell me what to do with my life. (ecinga)

***

Sixelele: Ucinga kuzokwenzeka ntoni ngoku?

***

Yitsho: Kuzokwenzeka ntoni kuBusiswa no Yonela?