[Ibuyile impendulo yasedyunivesithi. UBusiswa uvela ngaphandle uphethe imbalelwano ethi uyifumene indawo yokufunda nendawo yokuhlala esikolweni.]

Busiswa: (Ephuma phandle, ezithethela) Nanko unoposi ezisa imbalelwano efaka enye apha ekhaya, khawume ndiyokuyithatha. Nkosi yam akusafani kuthi kanti ndamkelekile, yeyam isuka edyunivesithi. (Eyivula) Miss B. Kewana! Cape Peninsula University of Technology, samkelekile isicelo sam madoda. Mama! Mama! Ndamkelekile esikolweni. (Esiya endlini)

Mantsundu: Ude ubenemincili kangaka kwenzeke ntoni na ntombi yam?

Busiswa: Ndithini na ukungabi namincili na mama? Ndinemibono nje yam sendiphuma ndingena kulamasango ezazakhiwo zihle ngoluya hlobo, sele ndingumfundi wasedyunivesithi.

Mantsundu: Lamntwana kaMadlamini yena owawuhambe naye uyokufuna indawo yokufunda, inokuba uyifumene kengoku yena?

Busiswa: Kodwa mama uyandimosha. Ndivuka nawe apha endlini ngoku wena undibuza umntu okokwabo, ndakumazi njani mna? Endaweni yokuba uvuyisane nam wena undibuza ngonyana ka-Madlamini.

Mantsundu: Anixhomani na ngezizinto zenu nizenzayo kwezifowuni zenu?

Busiswa: Mama yintoni na le ingaka ngawe noYonela? Andimazi mama oko ndimgqibele izolo (ebukhathazeka).

Mantsundu: Banethamsanqa kodwa oMadlamini, bavele balizwa ngengangalala zabantwana abakwaziyo ukumisa ingqondo. Ngekungani ke ukuba ibinokuba ngumkhwenyana wakwam madoda.

Busiswa: Yho! Waze wayenza indaba uYonela wabantu namhlanje. (Ephinda efundisisa ileta yakhe)

Mantsundu: Elinene ntombi yam ndonwabile qha ndincumela ngaphakathi kwaye ndibambe amazinyo. Ndibukhathazeka ngokuba nakufika kwezidyunivesithi nifika nilibale apho umntu asuka khona, ingakumbi nina manina. Ewe nabafana bayayenza lomposiso kodwa nina ingathi nisahamba phambili. UThixo yena usivile isikhalo sam sokuba ufumane indawo yokufunda, ingase nesi asive, ungalahli imbo yakho ngophoyiyane wakufika phaya edyunivesithi.

Busiswa: Konke endakuthi ndikwenze mama ndobe ndisenzela impilo yakho. Ukubhubha kwakho nokuphila kwakho kuxhomekeke kum. Xa ndisenza okubi phaya ndibulala wena, xa ndisenza ukuhle ndiphilisa wena. Ndiyazingca ngokuba nomzali onje ngawe mama. Ndizo zama ngako konke okusemandleni am ukuba nawe ngenye imini uzingce ngam.

Mantsundu: Uyabona sana lwam yonke into apha emhlabeni inexesha layo, naphaya esikolweni uhlabe ukhangele. Uzakudibana neentlobo-ntlobo zabantu besenza izinto ngezinto, kodwa mntwanam wena uqale ngokufunda emveni koko konke okunye kolandela ebomini.

Busiswa: (Ephuma phandle) Amazwi akho ndiyathemba ndiwabambile mama nawe ke themba akukho nalinye eliwele phantsi.

Yonela: (Engena ngesango kwamaMntsundu) Busie! Busie! Samkelekile thina esikolweni andazi wena ke sana.

Busisw: (Esiza ethe qhi eyakhe ngesandla) Useshweni kebhuti, samkelekayo ke thina nje ngokuba kungona usamkeleka ke wena.

Yonela: Hayi izinto ziyayondelelana noko kengoku. Mna ndifumene nendawo yokuhlala phaya esikolweni.

Busiswa: Nam ngokunjalo, khawuveze izakuba ndawoni eyakho.

Yonela: Ndizakuhlala phaya eBellville mna, ndandule ndifunde apha eKapa. Wena?

Busiswa: Yho! Ndizakuhlala kwalapha eKapa mna. Yho asizukuhlala endaweni enye kanti, sakundwendwelana xa kutheni kengoku xa ukude kangaka.

Yonela: Mna ndivuyela nje okokuba sifumene indawo yokufunda.

Busiswa: Hayibo kwamsinya kangaka, uyayibaxa bhuti. Masisole singene ngaphakathi ndikufumanele into eselwayo.

Yonela: Uxolo sthandwa sam, ndishiye iimpahla ebendizihlamba, qha ndisuke ndanemincili ndakufikelwa yilembalelwano, ndaqonda nje ukuba andikwazi ukuzibamba mandize kuwe ngoku ndifuna nokuva wena uhambe njani.

Busiswa: Hayi wena bendisitsho nje, bendikulinga ngokuba ndiyazi ukuba uyamoyika umama. Akakuthandi ke yena lento wena ungamfuni kangaka, akaziva ngawe.

Yonela: (Ephuma esangweni) Ngenye imini kanti ndakungena wothuke nawe. Ubulise wethu apho kumamazala!

Busiswa: Uhambe kakuhle ndokwenjenjalo. (Encamisa isandla)

Yonela: (Naye encamisa kwesakhe enze kwanjalo naye) Nisale kakuhle ke. Bye!

Busiswa: (Ethetha yedwa) Kowu! Ndiyamthanda ke umntwana wabantu…

Mantsundu: Ungade umbombozele wedwa ntombi, ukwenze ntoni lomfana apha phandle le ikwenza ushiyeke uthetha wedwa.

Busiswa: (Esonwaya umphezulu wempumlo, enentloni) Hayibo mama sukuzibaxa izinto, sendenziwe ntoni ngubani ngoku, ndiyazithethela nje mna.

Mantsundu: Kodwa oloncumo lugoso ndiyalwazi nam kaloku mntwanam ndisuka ebuntombini.

Busiswa: Ewe mama nam ndiyayiqonda lonto ukuba usuka apha nawe kodwa ngoku besisabonisana ngezimbalelwano zethu.

Mantsundu: Kaloku mntwanam ndiyayazi yonke into yenu nalamfana. Kodwa ntombi yam ningafiki nenze unothanda kwesasikolo, niqale ngale niyiyeleyo kuqala.

Busiswa: Indlela andimthanda ngayo mama andiqondi singayenza lonto. Uxolo mama ukuba ndivele ndiphahluke kuwe ngolohlobo.

Mantsundu: Hayi kaloku ntombi yam kufuneka sithethile ngezizinto nani nizokuba nolwazi lwazo nalo nilufumane kuthi bantu abadala.

Busiswa: Eyona nto ehlala eyikhokhelisa phambili yimfundo, sisafunda apha kwesisikolo saseDesmond Mpilo Tutu. Esithi yena kuninzi afuna ukukuzuza ebomini kwaye unekamva yena ufuna nam ndifane naye sibe ngqondo nye.

Mantsundu: Ohw! Uyabona ke lanto ndandiyithetha, waze wathetha nje ngegorha ke umtwana kaMadlamini. Nawe ke mntwananm ungabi ngumdlungu emboneni nokuba unguwo ke kodwa ube ngulo utyekayo.

Busiswa: Ndisakhe ndiyokujonga abahlobo bam mama ngoku. (Esiya esangweni)

Mantsundu: (Emnxwala) Kakade ndiqhele ukuzihlalela kwam hamba. (Ezithethela yedwa) Kowu! Thixo wam menze lomntwana akwazi ukucinga, azazi apho asuka khona.

***

Yitsho: Uyathetha wena nabazali bakho ngento zothando?