(Emva kwenyanga ezintathu.)

Nothando: (Engena kwaNorah) Ndiyagqitha nje wethu.

Norah: Heke uncede wafika, umyeni kaLettie ungcono kakhulu, kangang’uba ugqirha ugqibe kwelokuba amgcine esibhedlele okwethutyana.

Nothando: Zabamnandi ezondaba, nam andilelanga kakuhle phezolo, isifuba esi ingathi siyavaleka, ndinayo nento ebusiyezi.

Norah: Kuzakufuneka udibane nogqirha.

Nothando: (Ngelizwi eliphantsi) Ndiyayiqonda lo nto kodwa bendisalinde unyan’am, ebethembise uba uzakundizisela imali kuleveki iphelileyo ndikwazi ukubhatala amatyala asecaweni, ndithenge ne grocer, noko selilide elithuba.

Norah: UMbulelo ngumntwana ohloniphayo, umkhulise kakuhle, ndicinguba uzakubuyela kuwe, mhlambi usabethwa zingxakana nje ezincinci.

Nothando: Ndiyakuva, kuba nje akufani naye ukuthula nje.

Norah: Ugqibele nini ukutsalela umnxeba?

Nothando: Sekunethuba, kulenyanga iphelileyo.

Norah: Ukhe wamthumelela noba ngumyalezo ngefowuni mhlawumbi?

Nothando: Ewe kaninzi, kangangokuba andisenamizuzu.

Norah: Masithembe uyakufowuna.

Nothando: Ndicinga ukuncamela eClinic namhlanje kuba ndingenamali kagqirha.

Norah: Ewe iya ngoku, ndizakuzojikela pha ngokuhlwa xandithekelela uba ubuyile.

(UNothando selebuyile e-clinic, undwendwelwa nguNorah kwakhe)

Lettie: Tyhini ukhawulezile ntokazi, ndikubona usithi tshe ndathi mandizovela.

Nothando: Yhuu, ndidinwe ndiyimfe, umngcelele ongako, akhonto indibulele njengokwakutshitshiliza kwezazitulo. Kuthwe ipresha yegazi yam iphantsi kakhulu, nobushushu into ezingamandla.

Norah: Kuzakufuneka uphumle, kuye kuthwe xa iphantsi ipresha iyingozi umntu angawa. Akhona amayeza owanikiweyo phofu, kungekho luhoyo kangaka kula clinic.

Nothando: Ndinikwe iPanado kuphela, kuzakufuneka ndipheke, bathe ndingaseli ipilisi ndingatyanga.

Norah: Ndizakuza nerhewu kwam okwangoku, pha ngokuhlwa ndawuthi xandigqibile ukupheka isidlo sangokuhlwa ndikuzisele. Wena ngqengqa.

Nothando: Ndigqibezele iswekile nesonka ebendinaso kuleveki iphelileyo, ikhona i-flour ekhoyo ndakuthi xandifumene amandla ndixovule ndibhake pha phandle.

Norah: Hayi ungazihluphi, ndizakuza neswekile nesonka ndinazo, ndiyabuya, ungemi ngenyawo ndingekho.

(UMbulelo uphume nesinqandamathe sakhe uPortia bayokutya kwi restaurant ephezulu.)

Waiter: Table for two?

Mbulelo: Ewe ndihamba nalosisi.

(I waiter ibanika i-menu.)

Mbulelo: (Ethetha noPortia) Intle le ndawo ndiyayithanda.

Portia: Kakhulu sithandwa sam yho.

Waiter: Ndizanipha ixesha elaneleyo nikhethe ukutya enikufunayo.

Mbulelo: Sure boss.

(Kukhale imfonomfono.)

Portia: Ngumama wam ithi ndimphendule. Hello! Haybo… bendimshiye eright nje….eh…isephezulu…ohk gran… bye.

Mbulelo: Sithandwa sam, yintoni? Ingathi wothukile nje.

Portia: Ibingumakhulu uthi bayafika endlini basuka esibhedlele, andithi umama une high blood pressure, so bathi inyukile bebembalekisele khona.

Mbulelo: Ngoku ubungafuni ndikubalekisele khona ngokukhawuleza?

Portia: Hayi uzandisa emva kwethutyana, noko ayisosigulo sitsha kodwa ndingathanda ukubanaye emva kweyure nje. Unomakhulu okwangoku.

Mbulelo: Hayke uba utsho, kodwa ungathandabuzi xa ufuna uncedo lwam, mna ndikhona nanini, ndingakwenzela noba yintoni, nemoto ikhona.

Portia: Ndicinguba ndizakudinga imali, uyazi ukuhlala nomntu ogulayo kufuneka le nale, ukuqesha imoto kuyabiza.

Mbulelo: Ndikhona nje, uqesha njani imoto. Uzakudinga malini phofu?

Portia: Ungakwazi ukundongeza nge R3000?

Mbulelo: (Ekhupha isipaji sakhe emnika) Ja, ikhona, nantsi.

Portia: Ndiyabulela wethu, nomama wam unethamsanqa ngawe.

(Norah engena kwa Nothando.)

Norah: Uhleli elangeni akuwoyiki umkhuhlane?

Nothando: Kuyabanda endlini, sowundingenile wethu lomkhuhlane.

Norah: Ude wakutsalela umnxeba unyana?

Nothando: Ewe ufake umyalezo phezolo, uthe uyakufowuna namhlanje ngoba akakamkeli, ndiyabona wena iyasokolisa ngokubhatala le ndawo akuyo.

Norah: Ndivuyel’uba ede waphendula, kodwa ndikhona xa ufuna uncedo.

Nothando: Ndiyabulela wethu uThixo akwandisele intsuku zokuphila, ululutho kum.

Norah: Ndikuthengele i-airtime, nantsi, ndizakuphinde ndibuye ngokuhlwa.

(Emva kwemini, kukhala ifowuni.)

Nothando: Hello mntwanam, wanceda wafowuna, sendiphelelwe yinto yonke akhosepha, akhokutya, andisakhanyisi umbane omncinci ubushiyekile uphele phezolo.

Mbulelo: Mama ndisazamana nemali ne, andikulibelanga, ndivela kutshintsa amavili emoto nefestile.

Nothando: Ndishiyeke namaqebengwana ebendiwaziselwe nguNorah izolo.

Mbulelo: Yhoo mama ubhetele unawo namaqebengwana, mna ndinzinyelwe ngapha. Injani impilo phofu?

Nothando: Ayintlanga kwaphela andiphilanga, ndithandwa yincilikithi mva nje.

Mbulelo: Inoba si-stress sokhula mama, ndiphelelwa yi-airtime, ndizakuzama late, bye bye.

(Ebusuku, uSnap akhonkothe.)

Nothando: Hayi Snap ngubani na lo umgxoga kangaka?

Sipho: (Engena ngomva) Ndim ma, Snap, Snap, hayi ndiyabona indilibele le nja, andithi andisekho mninzi apha.

Nothando: Ndiyabona.

Sipho: Phofu uzakubuya nini yena uMbu?

Nothando: Andiqinisekanga.

Sipho: Andihlelanga ndizis’umphanga, kuthwa mandizoxela utat’uThemba uswelekile.

Nothando: (Esothuka) Hayi, yinto yanini leyo?

Sipho: Uswelekele eFrere ngalenjikalanga.

Nothando: UThixo umkhulule, akhonto makaphumle. Uyakumxelela ke uLettie ngomso ndivukela eCecilia Makiwane, ndinento enesiyezi maan mntwan’am, ndawuthi ke xandibuya ndifikele khona.

Sipho: Ndivile, ndimkile.

Nothando: Mandikukhuphe le nja isuke yakhohlakala.

Sipho: Hayi hayi ndizakuzihambela, suka u-Snap ube wayintoni.

***

Yitsho: Ucinga nton ngoMbulelo nophisa kwakhe ngemali kodwa umama wakhe uyasokola endlini?