(Kusuku olulandelayo kwaNothando.)

Mbulelo: (Ubukele umabonakude, kukhala imfonomfono yakhe) Hello!

Mbulelo: Mama ndithathiwe eCargo, ndiqala ngomso lo usayo.

Nothando: UThixo ke unjalo, ubetha apho ungacinganga khona.

(Kusuku olulandelayo, uMbulelo uyafika ngokuhlwa usuka emsebenzini.)

Mbulelo: Molo ma.

Nothando: Belunjani usuku lwakho lokuqala emsebenzini?

Mbulelo: Besifundiswa, akhonto ibinzima kodwa, ukulungisa imoto nangona ndingenazinkcukacha nje.

(Ngenye imini ngo Mgqibelo.)

Nothando: (Eyokuphuma emnyango) Ndisayokucukuceza izinto ezincinzi edolophini, ungalibali ukuphekela uSnap.

Mbulelo: Ungalibali undiphathela i-airtime.

(Kunqkonkqozwe emnyango.)

Nothando: Sipho, nguwe lo.

Sipho: Molo ma.

Nothando: UMbulelo usegumbini lakhe. (Uyakhwaza) Mbu nanku uSipho.

Sipho: Waze wabamhle ma kule le hat uyinxibileyo, undikhumbuza uQueen Elizabeth.

Nothando: (Ehleka) Enkosi kakhulu, uyandixolela ndisendleleni (Ephuma ehamba).

(Emva kweveki ezimbalwa uMbulelo usemsebenzini, ehleli noMziyanda okwasebenza kwalapha.)

Mbulelo: (Enyathela umcephe kwenye yemoto azilungisayo.) Ulukhuni umcephe wale moto.

Mr Ntshebe: Ndiyazidla ngawe Mbulelo , yenye yezinto eyandenza ndikuqeshe, unesakhono, kwaye ufunda ngokukhawuleza.

Mbulelo: Enkosi mphathi ngenkuthazo.

Mr Ntshebe: (Ebashiya) Uyibambe njalo ke.

Mziyanda: (Esebeza) Hey Mbu ukuthandile mfondini uMr Boss, ufika nokufika, hayi ndiyakuvuma.

Mbulelo: (Evuya) Hee fondini andifuni nokuxoka nam ndothukile, uvele wayibeka injengoba injalo.

Mziyanda: Hee ndoda ndifuna ukukhupha khendikubonise iMonti, iindawo zokonwaba zibethwa ngenduku apha, awuzoba nasiyali tu.

Mbulelo: Akhongxaki uyakutsho xa u-ready.

Mziyanda: Masiyitshaye isaqhuma maan sitshayisele khona, kungoLwesihlanu namhlanje, ikhona enye indawo eshushu kwalapha, ayikudanga.

Mbulelo: Singaya mna ndakunibukela ngoba andikamkeli.

Mziyanda: Hayi suka usibukela ntoni, ndizakuseza khululeka, masitsho siyile itshayile.

Mbulelo: (Bekhwela emotweni kaMziyanda.) Mzi unexesha elingakanani unale BMW?

Mziyanda: (Ahleke) Yenye yezinto ezibangel’uba ndikubonise indawo, ayibuzwa kaloku le yam yijonge nje, yi-latest inenyanga nje ezimbalwa ifikile eMzantsi.

Mbulelo: Ayisabaleki kamnandi nje, iyashebeleza mfo.

Mziyanda: Heke sifikile, masehle.

(Besela utywala ngaphakathi.)

Mziyanda: Osisi ke apha bayazitsholololo, wena ungathi hayi uyakubonakala njenge bharu.

Mbulelo: (Esahleli, uphethe i-glass ye-beer, kufike sisi othile ahlale phezu kwakhe) Ndizawuthi usisi ngubani kanene?

Portia: Ndibize Portia, ligama lam elo.

Mziyanda: (Atsho emkhawulezela) Sis Posh, kanene Posh usela ntoni?

Portia: Cider, noba yeyiphi.

Mziyanda: Ndiphen’umzuzu nje ndisayoyithenga.

(Emva kweyure ke besela njalo bonwabile.)

Mziyanda: Hay ke ndoda masambe siyolala ndinendawo pha kwam.

Mbulelo: Haybo sowufuna ukuhamba, kukho osisi abahle apha kusemnandi maan.

Mziyanda: Ngomso ndizakusa e-Afrika Lounge yeyona ndawo iphambili e Quigney, futhi kuzakube kukho iimvumi ezaziwayo za local, masiyophumla. Ndakugodusa kusasa ndiyokulanda futhi ngokuhlwa.

Mbulelo: Nyani!

Mziyanda: Unxibe kakuhle ke pha, uyatsho nawe osisi bahle.

Mbulelo: Hayke masambe.

(Bayafika kwaMziyanda bamisa imoto behle.)

Mziyanda: Ndizifihla apha ke ndoda.

Mbulelo: (Efunda umbhalo wendawo) Marinda Estate houses, intle lendawo, ithule, inoba iyabiza.

Mziyanda: (Bengena emnyango) Awusoze ukholelwe kanti ndandingayithandi ukuqala kwam ukuhlala apha kodwa ndayiqhela.

Mbulelo: Nam kufuneka ndizizamele indawo ekufutshane, kunzima ukuvuka uleqe itrain ekuseni.

Mziyanda: Ndizakuzamela kanti kungekudala.

Mbulelo: Akhonto ingekhoyo apha, kuse town nyani.

Mziyanda: (Enxiba ipyjamas) Masilale.

(Ngentsasa yangengomso, kwaNothando, Kuyankqonkqozwa emnyango.)

Nothando: (Eyokuvula) Sisi wabamaphikana nje, kukho into mbi?

Norah: (Ekhathazekile) Eyi, ndivuswe yingxolo ye-Ambulance ngalentsasa ibizokuthatha umyeni kaLettie.

Nothando: Ndicing’uba imeko yakhe iyaqatsela.

Norah: Andikhange ndiyovela ngoba bekusesekuseni kakhulu, uLettie naye ukhwele, bendingathanda siyokubavelela esibhedlele, ndicing’uba ibase e-Frere, siso isibhedlele esikufutshane ne Scenary Park.

Nothando: Ngumbono omhle lowo, yima kancinci ndinxibe besendihlambile.

Norah: Uyakuvuya kakhulu ukusibona uLettie.

(UMziyanda uzisa uMbulelo kokwabo, umbeka emasangweni omzi.)

Mbulelo: (Esehla emotweni) Enkosi broer ndizakubona late.

(UMziyanda ubetha i-bell emke.)

(Kusemva kwemini uMziyanda ubetha ibell yemoto, ezolanda uMbulelo.)

Mbulelo: (Aphume ayokukhwela) Ndinxibe right phofu?

Mziyanda: Kakhulu. (Behamba) Ndikufumanele indawo yokuhlala ayikudanga pha kum.

Mbulelo: Ngalomzuzu?

Mziyanda: Ja, yi R6000 ngenyanga sizayokuyijonga Monday, ungangena Tuesday siyamkela, ikhona nendawo ethengis’imoto endizakusa kuyo next week.

(Emva kweveki.)

Mbulelo: (Ebuya emsebenzini) Mama izobona.

Nothando: (Amlandele esiya phandle) Yintoni?

Mbulelo: Nantsi ke imoto endiyithengileyo namhlanje, ifuna intsikelelo zakho.

Nothando: (Evuya) Ndiyavuya kakhulu, sisipho sika Thixo.

Mbulelo: Ndifumene nendawo yokuhlala okwexeshana ndibekufuphi emsebenzini.

Nothando: Ndizakukhumbula kodwa, andisaqhelanga ukuhlala ngaphandle kwakho.

Mbulelo: Ndizakubuya qho ngempela veki, ungabinaxhala.

***

Yitsho: Khawutsho ucinga uba uMbulelo uzobangumntu onjani ngoku enomsebenzi?