[Kwa Nosakhe. UNosakhe uthetha noEsona.]

Nosakhe: Sana lwam, ndisazibuza umbuzo nje omnye ngokufa kukaLusanda.

Esona: Ngomphi mama?

Nosakhe: UZolile wayemdubulela ntoni?

Esona: Mama uZolile ayinguye umbulali. Soze aze abulale uZolile mama.

Nosakhe: Hayi nam nditsho sana lwam. UZolile ngumntu ongenabundlobongela nje.

Esona: Mama, musa ukukhathazeka, uzakuvela umbulali. Nokuba uvele komphi unyaka. Shem uZolile mama wehle nasemzimbeni, ude wavela namathambo ebusweni.

Nosakhe: Nyani! Kwewu! Thixo mncede njengoba ehleli esihogweni engenzanga nto. Msikelele afane noMandela. Angabi nakufa afele isono somnye umntu.

Esona: Mna mama ndisola uZuko.

Nosakhe: Kutheni umsola?

Esona: UZuko nguye lo owambetha uLusanda ukuze abe uphuma izinyo. ULusanda ebemthanda uZuko mama kodwa uZuko wambonga ngokumbulala! (Waziphalaza ezishushu)

Nosakhe: Musa ukulila mntwana wam, kuzolunga kwaye kudlule.

Esona: Kowu! Ubesithanda isikolo uZolile kwaye ekrelekrele. Nokuba sitshate nini kodwa ekugqibeleni ndizakutshata noZolile.

(Esiseleni uZolile undwendwelwe nguTitshala wakhe ongu Zulu.)

Zulu: Zolile kunjani?

Zolile: Ndiyaphila titshala kunjani kuwe? (Ejonge phantsi)

Zulu: Ndilapha ukuzothi ngxe Zolile. Kuzakulunga mntwana wam. Zikhona izilingo endleleni kodwa nyamezela ndoda. UThixo ukhona. Konke kuzodlula.

Zolile: Nini titshala? Akulula neze apha ngaphakathi. Enye into endibulala umphefumlo kukubanjelwa into endingayenzanga. (Eziphalaza ezishushu)

Zulu: Wonke umntu uthi umsulwa.

Zolile: Uyandibona ndinjani? Ndabugqibela kudala ubuthongo. Andilali ndibethwa ubusuku nemini.

Zulu: UThixo ukhona Zolile. Musa ukulila nyana.

Zolile: Aphelile kum amaphupha. Linye qha ngoku kukuba kuvele umbulali.

Zulu: Kanti uzakuvela. Ndikuphathele ukutya nyana.

Zolile: Kowu! Ndiyabulela mfundisi. Ukuba nje ndingaphuma apha ndingaya esikolweni. Ubaxelele ukuba ndiyabakhumbula mfundisi. (Watya)

Zulu: Kulungile nyana. Nawe ke qina womelele. Usale kakuhle Zolile. (Wahamba)

[Latshona elaloomini kukho umehluko esiswini sikaZolile kungafani nezinye iimini.]

*****

[Ngomvulo ezintsukwni iphinde yazala yama ngeembambo inkundla yase Mount Frere.]

Mtshutshisi: Inkundla mayiphakame. Ingahlala.

Mantyi: Singaqalisa.

Mtshutshisi: Namhla sizakubiza ingqina lokuqala elingu Nosakhe Jongilanga, umama womfi. (Wangena uNosakhe.) Phakamisa isandla sasekunene ufunge.

Nosakhe: (Waphakamisa isandla sasekunene) Ndincede Thixo ndithethe inyaniso.

Mtshutshisi: Khawuke usixelele ngowakubonayo ngalamhla.

Nosakhe: Mhlekazi mna ngalamhla ndandiyokha amanzi. Ndathi xa sele ndikufuphi ndabona uZolile ekhala, ebaleka eyosithela emaweni.

Mtshutshisi: Awuzange umkhwaze?

Nosakhe: Andizange ndimkhwaze.

Mtshutshisi: Wayenxibe ntoni?

Nosakhe: Andisakhumbuli kakuhle kodwa ingathi wayenxibe i-ovarolo ebomvu.

Mtshutshisi: Ubumazi ukuba wayengumhlobo womfi?

Nosakhe: Ewe bendimazi, kwaye ndandinokusola okuthile ukuba ayisebobuhlobo kuphela obu.

Mtshutshisi: Wayekhe waxabana nomfi?

Nosakhe: Andikhumbuli.

Mtshutshisi: Ungathi ubengumntu onjani uZolile ekukhuleni kwakhe nomfi?

Nosakhe: Ngumntu othanda ukusoloko ephethe incwadi xa kudlalwa. Kwaye bendiqaphela ukuba uyakuthanda ukusebenzisa igama elithi “uxolo”.

Mtshutshisi: Andinambuzo Mhlekazi.

Mantyi: Igqwetha lommangalelwa.

Sikho: Mama ekukhuleni kwakhe uZolile ixesha elininzi ubeli chithaphi?

Nosakhe: Ubethandela kwam ingakumbi xa kuvalwe izikolo.

Sikho: Ngokumazi kwakho ungathi nguye umbulali?

Nosakhe: Hayi, ngeke uZolile enze into ekumila kunje. Kaloku uZolile besele ndimfunda ingqondo yakhe. Ndihleli naye iminyaka engapha kweshumi.

Sikho: Andinamibuzo Mhlekazi.

Mtshutshisi: Ingqina elilandelayo ngu Abongile Jika. (Wabizwa) Phakamisa isandla sasekunene ufunge.

Abongile: (Waphakamisa isandla sasekunene) Ndincede Thixo ndithethe inyaniso.

Mtshutshisi: Abongile, khawutsho ngowakubonayo ngomhla wesehlo.

Abongile: Mna ndandiyotheza. Ndeva kutsho izithonga ezimbini. Ndothuka kwaye ndandihamba ndodwa. Emva nje kwemizuzu engephi ndabona uZolile ebaleka enxibe i- ovarolo ebomvu edlula ngakum.

Mtshutshisi: Awuzange umbuze ukuba ubaleka ntoni?

Abongile: Andizange ndimbuze Mhlekazi.

Mtshutshisi: Andinamibuzo Mhlekazi.

Mantyi: Igqwetha lommangalelwa.

Sikho: Enkosi Mhlekazi. Abongile, ngelixa edlula uZolile wayephethe ntoni?

Abongile: Wayengaphetanga nto.

Sikho: Awuzange uqalaze nto emva koko?

Abongile: Hayi andizange.

Sikho: Andinamibuzo Mhlekazi.

Mtshutshisi: Ingqina elilandelayo ngu Ofisa Chuma umcuphi ochophele elityala. (Wabizwa) Phakamisa isandla sasekunene ufunge.

Chuma: (Waphakamisa isandla sasekunene) Ndincede Thixo ndithethe inyaniso.

Mtshutshisi: Mnumzana Chuma khawutsho okwaziyo.

Chuma: Mna ke ndadibana nalomfo endleleni ndisinge kokwabo yena wayesiya emlanjeni. Ndambuza imibuzo nje engephi. Sithe sisaxoxa inja yaphuma emotweni yaqonda kwi vasikom yakhe yavumbulula itshekhasi eyayineempahla ezigcwele igazi. (Bakhuza abantu enkundleni) Ndambuza ke ngezimpahla zange abe nampendulo. Ndazithumela eLebhu ziyohlolwa. Kwafumaniseka ukuba igazi ngelomfi uLusanda Jongilanga.

Mtshutshisi: Xa sele uphinda umbuza ngezimpahla uthini?

Chuma: Uyavuma ukuba ngezakhe kodwa uthi akalazi igazi ukuba lidibanaphi nazo.

Mtshutshisi: Andinamibuzo Mhlekazi.

Mantyi: Igqwetha lommangalelwa.

Sikho: Mhlekazi ziimpahla ezinjani zona ezo?

Chuma: Yibhulukhwe emhlophe nesikipa esimnyama.

Sikho: Wazihlola iifinga prints kule tshekhasi?

Chuma: Hayi andizange.

Sikho: Iimpahla zona?

Chuma: Nazo andizange.

Sikho: Ngoku ke buphi ubungqina obupheleleyo?

Chuma: Ndabona igazi lifana ndacingela ukuba nguye.

Sikho: Ngoku wawufunda ikhona indawo ethi cingela xa usenza umsebenzi wakho?

Chuma: Ayikho.

Sikho: Ngoku ke awuwugqibanga umsebenzi. Uthini kengoku? Kuba akekho umntu ongabulala ngesikhali aphinde ajikeleze neempahla ezigcwele igazi ekuhlaleni.

Chuma: Andazi kenam.

Sikho: Mhlekazi bendicela uAbongile.

Mantyi: Kulungile makabizwe. (Wangena)

Sikho: Abongile khawutsho uthi wayenxibe ntoni uZolile ngalamhla?

Abongile: Wayenxibe i-ovarolo ebomvu.

Sikho: Ingaba wawulibona igazi kuye?

Abongile: Hayi wayengenalo.

Sikho: Mnumzana Chuma uyamva uAbongile?

Chuma: Ewe ndiyammva.

Sikho: Uthi wayenxibe i-ovarolo ebomvu. Wena uthi kukho into emhlophe nemnyama?

Chuma: Kunjalo.

Sikho: Awucingi ukuba ingangumtu owaba iimpahla zikaZolile?

Chuma: Ndiyayibona ke ngoku.

Sikho: Uyavuma ukuba wenze impazamo ngokungahloli iimpahla kunye netshekhasi?

Chuma: Ewe ndiyayibona.

Sikho: Njengokuba uZolile ezokugwetywa uthini ke ngempazamo yakho?

Chuma: Ngelixa esentolongweni ndizakuphinde ndiphande kabanzi, ndize nobungqina obupheleleyo.

Sikho: Buzakuthatha iminyaka emingaphi obu bungqina bakho?

Chuma: Mhlawumbe iminyaka emihlanu.

Sikho: Andinamibuzo Mhlekazi.

Mantyi: Mnu Chuma, ndiyabonga xa uyibona impazamo yakho. Ndiyalimisa elityala ndilimisela ulwesithathu, apho ndizakube ndehlisa isigwebo. (Waphakama uMantyi)

Mtshutshisi: Inkundla mayiphakame.

[Baphuma abantu wathatyathwa noZolile. UMantyi uthetha noMtshutshisi.]

Mantyi: Phinda uthi inetyala lentwana.

Mtshutshisi: Mhlekazi nam ndiyayibona kengoku loonto.

Mantyi: Kuhle ke. Iyaphuma ngolwesithathu.

Mtshutshisi: Mhlekazi masithetha-thethane. Ndinengxaki neli gqwetha lalenkwenkwe. Lihorho nkunzi.

Mantyi: Hayi, futhi uyambona ukuba unxanelwe inyaniso.

Mtshutshisi: Ndiphumelelise nje eli tyala ndizakunika isigidi seeRandi. Ndicela umgwebe nje nokuba yiminyaka elishumi elinesihlanu entolongweni, ndikuhlanganise nemali yakho.

Mantyi: Tyhini! Kod…

Mtshutshisi: Yithi cwakwa ndizakunika okufunayo. Ndifuna ukudanisa eli gqwetha. (Wangena emotweni)

***

Sixelele: Ucinga umnantyi uzakugweba athini?