[Emva kweveki uZolile evalelwe kwabuya iziphumo zohlolo gazi. Umcuphi ochophele elityala ongu Mnu Chuma uthetha noZolile.]

Chuma: Zolile kunjani, bakuphethe kakuhle?

Zolile: Uyayazi ukuba kubuhlungu apha.

Chuma: Kwedini akuthethwa kanjalo nam. Kuzakufuneka uthi mhlekazi siyevana? (Emqhwaba ngempama.)

Zolile: Ewe mhlekazi.

Chuma: Ndixelele konke okwaziyo ngomfi.

Zolile: Mhlekazi, mna ndamshiya emlanjeni uLusanda ndithe ndiyo… Ndiyotya.

Chuma: Uxokelani kwedini? Ucinga ukuba ndisisibhanxa?

Zolile: Soze ndikuqhathe mhlekazi ndimsulwa. (Elila)

Chuma: Ukulila kwakho akuncedi. Okokuqala awuna gqwetha. Okwesibini akukho kwamntu okunakileyo.

Zolile: Ayikho loonto! Ufuna ndivume ityala ndingalazi! Ndikhulule ndihambe mna apha.

Chuma: Andithanga livume mfondini selihleli likuwele ityala, nokuba ungathini. Okokuqala wena wabaleka lamhla netshekhasi kanti igcwele igazi lomfi.

Zolile: Ayizozam ezipahla Mhlekazi.

Chuma: Akuncedi ukuba uxoke sele ungowalapha wena. Mthatheni.

[Wathathwa ngamapolisa amabini.]

Zolile: Mhlekazi! Mhlekazi! Andenzanganto! Ndicela ukugoduka.

[Bamvalalela nezinye izigebenga. ULukhanyo uthetha noZolile.]

Lukhanyo: Zuko! Zuko! Masingangxolelwa nguwe ungumntwana?

Zolile: Andinguye bhuti.

Lukhanyo: Ingathi ngowuhlala pha phantsi ndingekabhidani nawe. Ndiphantse ndalibala. Namhlanje sifikelwe yibharu entsha. Bharu nguZolile kelo wabhodisa ithekeni yakhe. Zolile ngu Athi lo, ubhodise uma oleyida wakhe.

Zolile: Ola ntwana, ugrendi skhokho?

Athi: Ndimnandi wena?

Zolile: Moja bhoza. Ndiyakwazi nje ntwana!

Athi: Nam ntwana ka Esona. Ubekwa yintoni apha?

Lukhanyo: Nifane nazana. Namhlanje wena Zolile uzobhodisa lomxhaka ukwenzela ukuba ubenenombolo mxhaka.

Zolile: Kodwa bhoza nd…

Lukhanyo: Thula! Mxhaka awazi neyokuqala. Emveni kokuba ugwetyiwe ubulala lenja.

[Ngengomso uZolile uvakathelwa ngunina.]

Noluntu: Molweni sisi.

Liya: Molo mama. Ndingakunceda?

Noluntu: Ndizokucela ukubona umntwana wam uZolile Dimbaza.

Liya: Kulungile, ndicela ungene kulamnyango umlinde pha.

Noluntu: Kulungile sisi.

[Waphuma wayakwindlu yokulinda. Wayothathwa uZolile.]

Zolile: (Ubona unina.) Mama! Nguwe lo?

Noluntu: Hlala phantsi Zolile.

Zolile: (Ehlala phantsi) Bekutheni ungazondibona mama? Okanye nawe uyayikholwa lento yokuba ndingumbulali? Kodwa wena mama soze ubukholelwe obobuxoki. (Encumile)

Noluntu: Zolile undahlule mntwana wam. Ndakukhulisa, ndakondla, ndakunxibisa, yindlela ondibonga ngayo le?

Zolile: Intoni? Bendicinga ukuba ndinomama. Ndilahle mama andinangxaki.

Noluntu: Mntwana wam ndizihlambile ezam izandla kuwe. Ungenza yonke into ucinga ukuyenza. Okwesibini andinamali endizakuyichitha ndiyinike amagqwetha ngento oyaziyo. Phuma kum.

Zolile: Kucacile into yokuba banyanisile xa besithi awungomama wam. Nam ndiyayibona loonto. Hamba kodwa ulibambe lingatshoni.

Noluntu: Kulungile nokuba ungafane uthini, hlala mbulali.

Zolile: Ngubani umama wam?

Noluntu: Sele kuhlwile, libala okwenzeka kwenzeka. (Ephakama eflathela uZolile)

Zolile: Ubuzakundixelela nini ngalento?

Noluntu: Eyoba bendizakuxelela okanye hayi ayikufuni. Unyoko wabaleka ke qha. (Waphuma ngomnyango)

Zolile: Mama! Mama! Yintoni na le indehlelayo mna?

[Kwafika uChuma.]

Chuma: Kunjani mfana?

Zolile: Ndiyaphila mhlekazi.

Chuma: Sele ukulungele ukuma enkundleni?

Zolile: Hayi Mhlekazi.

Chuma: Lityala ngomso akuyazi loonto?

Zolile: Ndiyayazi kodwa andikakulungeli mhlekazi. Kwaye kutheni ungafuni kundikholwa ukuba andingombulali?

Chuma: Mfana wam andinalo icebo. Kona kona ndiyakubona ukuba umsulwa. Kodwa ke ndixolele, ndenza umsebenzi wam. Wena nje hlala usazi ukuba yona inyaniso izakuvela.

Zolile: Ndiyabonga kakhulu mhlekazi. Ungumntu wokuqala ukuthetha lamazwi okhayo oko ndafika apha. (Echiphichiphiza)

Chuma: Ndixolele nyani mfana wam. Ingxaki ezakubophelela pha ikakhulu zezampahla. Mna ndizakuthetha into oyaziyo qha. (Waphakama) Masihambe. Ingathi kuzakufuneka uqhele ukunyamezela kuba akulula neze apho uzakuya khona. (Waphuma)

***

Sixelele: Ucinga lizokuhamba njani ityala?