[Emva kweveki uZolile evalelwe kwabuya iziphumo zohlolo gazi. Umcuphi ochophele elityala ongu Mnu Chuma uthetha noZolile.]
Chuma: Zolile kunjani, bakuphethe kakuhle?
Zolile: Uyayazi ukuba kubuhlungu apha.
Chuma: Kwedini akuthethwa kanjalo nam. Kuzakufuneka uthi mhlekazi siyevana? (Emqhwaba ngempama.)
Zolile: Ewe mhlekazi.
Chuma: Ndixelele konke okwaziyo ngomfi.
Zolile: Mhlekazi, mna ndamshiya emlanjeni uLusanda ndithe ndiyo… Ndiyotya.
Chuma: Uxokelani kwedini? Ucinga ukuba ndisisibhanxa?
Zolile: Soze ndikuqhathe mhlekazi ndimsulwa. (Elila)
Chuma: Ukulila kwakho akuncedi. Okokuqala awuna gqwetha. Okwesibini akukho kwamntu okunakileyo.
Zolile: Ayikho loonto! Ufuna ndivume ityala ndingalazi! Ndikhulule ndihambe mna apha.
Chuma: Andithanga livume mfondini selihleli likuwele ityala, nokuba ungathini. Okokuqala wena wabaleka lamhla netshekhasi kanti igcwele igazi lomfi.
Zolile: Ayizozam ezipahla Mhlekazi.
Chuma: Akuncedi ukuba uxoke sele ungowalapha wena. Mthatheni.
[Wathathwa ngamapolisa amabini.]
Zolile: Mhlekazi! Mhlekazi! Andenzanganto! Ndicela ukugoduka.
[Bamvalalela nezinye izigebenga. ULukhanyo uthetha noZolile.]
Lukhanyo: Zuko! Zuko! Masingangxolelwa nguwe ungumntwana?
Zolile: Andinguye bhuti.
Lukhanyo: Ingathi ngowuhlala pha phantsi ndingekabhidani nawe. Ndiphantse ndalibala. Namhlanje sifikelwe yibharu entsha. Bharu nguZolile kelo wabhodisa ithekeni yakhe. Zolile ngu Athi lo, ubhodise uma oleyida wakhe.
Zolile: Ola ntwana, ugrendi skhokho?
Athi: Ndimnandi wena?
Zolile: Moja bhoza. Ndiyakwazi nje ntwana!
Athi: Nam ntwana ka Esona. Ubekwa yintoni apha?
Lukhanyo: Nifane nazana. Namhlanje wena Zolile uzobhodisa lomxhaka ukwenzela ukuba ubenenombolo mxhaka.
Zolile: Kodwa bhoza nd…
Lukhanyo: Thula! Mxhaka awazi neyokuqala. Emveni kokuba ugwetyiwe ubulala lenja.
[Ngengomso uZolile uvakathelwa ngunina.]
Noluntu: Molweni sisi.
Liya: Molo mama. Ndingakunceda?
Noluntu: Ndizokucela ukubona umntwana wam uZolile Dimbaza.
Liya: Kulungile, ndicela ungene kulamnyango umlinde pha.
Noluntu: Kulungile sisi.
[Waphuma wayakwindlu yokulinda. Wayothathwa uZolile.]
Zolile: (Ubona unina.) Mama! Nguwe lo?
Noluntu: Hlala phantsi Zolile.
Zolile: (Ehlala phantsi) Bekutheni ungazondibona mama? Okanye nawe uyayikholwa lento yokuba ndingumbulali? Kodwa wena mama soze ubukholelwe obobuxoki. (Encumile)
Noluntu: Zolile undahlule mntwana wam. Ndakukhulisa, ndakondla, ndakunxibisa, yindlela ondibonga ngayo le?
Zolile: Intoni? Bendicinga ukuba ndinomama. Ndilahle mama andinangxaki.
Noluntu: Mntwana wam ndizihlambile ezam izandla kuwe. Ungenza yonke into ucinga ukuyenza. Okwesibini andinamali endizakuyichitha ndiyinike amagqwetha ngento oyaziyo. Phuma kum.
Zolile: Kucacile into yokuba banyanisile xa besithi awungomama wam. Nam ndiyayibona loonto. Hamba kodwa ulibambe lingatshoni.
Noluntu: Kulungile nokuba ungafane uthini, hlala mbulali.
Zolile: Ngubani umama wam?
Noluntu: Sele kuhlwile, libala okwenzeka kwenzeka. (Ephakama eflathela uZolile)
Zolile: Ubuzakundixelela nini ngalento?
Noluntu: Eyoba bendizakuxelela okanye hayi ayikufuni. Unyoko wabaleka ke qha. (Waphuma ngomnyango)
Zolile: Mama! Mama! Yintoni na le indehlelayo mna?
[Kwafika uChuma.]
Chuma: Kunjani mfana?
Zolile: Ndiyaphila mhlekazi.
Chuma: Sele ukulungele ukuma enkundleni?
Zolile: Hayi Mhlekazi.
Chuma: Lityala ngomso akuyazi loonto?
Zolile: Ndiyayazi kodwa andikakulungeli mhlekazi. Kwaye kutheni ungafuni kundikholwa ukuba andingombulali?
Chuma: Mfana wam andinalo icebo. Kona kona ndiyakubona ukuba umsulwa. Kodwa ke ndixolele, ndenza umsebenzi wam. Wena nje hlala usazi ukuba yona inyaniso izakuvela.
Zolile: Ndiyabonga kakhulu mhlekazi. Ungumntu wokuqala ukuthetha lamazwi okhayo oko ndafika apha. (Echiphichiphiza)
Chuma: Ndixolele nyani mfana wam. Ingxaki ezakubophelela pha ikakhulu zezampahla. Mna ndizakuthetha into oyaziyo qha. (Waphakama) Masihambe. Ingathi kuzakufuneka uqhele ukunyamezela kuba akulula neze apho uzakuya khona. (Waphuma)
***
Sixelele: Ucinga lizokuhamba njani ityala?