[Emoshwali kuncokola abasebenzi abacoca izidumbu.]

Khanya: Mfondini sisengxakini apha.

Likho: Yintoni ngoku?

Khanya: Isidumbu sakwa Jongilanga silahlekile.

Likho: Intoni?! Yaze yasivelela ingxaki mfo ndini. Ngoku ke khawutsho sizakuthini?

Khanya: Andazi ke nam ukuba sizakuthini. Yingxaki yodwa le.

[Emva kweentsuku ezine uKhanya uncokola noLikho.]

Khanya: Likho yazi kunento endiyiqaphelayo apha?

Likho: Ndiyathemba ukuba uqaphela isidumbu sakwa Jongilanga kuyo yonke loonto.

Khanya: Kunjalo mfondini. Yazi uAyabonga oko wemka lamhla kufika lamzimba akazange aphinde abonakale ukusukela loomini.

Likho: Unyanisile Khanya mfondini. Mna ngoku ndithi masiyoxelela ubhosi ngalento.

Khanya: Hayi ngeke kulunge bawo. Singagxothwa apha.

Likho: Yekela kum yonke lento.

[Baphuma besinge kuMnu Dlomo ongumnikazi wale moshwali.]

Likho: Nkqo! Nkqo! Nkqo!

Dlomo: Ngena.

Likho; Molweni mfundisi.

Dlomo: Tyhini! Molweni bafana bam kunjani?

Likho: Kuhle, kunjani kuwe mfundisi?

Dlomo: Kuhle. Nindihambele ngantoni bafana bam?

Likho: Mfundisi, size apha malunga nesidumbu sakwa Jongilanga. Silahlekile kwaye asisazi ukuba siyephi. Kodwa thina sityhola uAyabonga kuba akasezi emsebenzini.

Dlomo: Nithini na apha kum! Hinyani nale yokuba le ntwana ithwala ngezidumbu?

Likho: Asazi nathi ngoku mhlekazi ukuba sithini.

Dlomo: Hayi yekelani apha kum lento bafana bam. Mna ndizakuthi wonakele umzimba mawungajongwa.

Likho: Izakuba lula nje ibhokisi.

Dlomo: Singafaka namatye okanye isanti. Nina hambani niyokwenza umsebenzi wenu.

[Wabiza usapho lakwa Jongilanga uDlomo elazisa ukuba umzimba wonakele abazukwazi ukukhonjiswa. Lavuma ke olu sapho kodwa lukrokra.]

***

[Kwade kwafika umngcwabo kaLusanda. Kwakuzele kuyinkungu nelanga kuba abantu babefuna ukuyozibonela umngcwabo womntu odutyuliweyo. Sasiqaleka esi sehlo kule lali.]

Seko: Mandithathe elithuba ndinibulise kusasa nje. Isifundo sethu masisifumane pha kwii Ndumiso 23, ivesi iyaqala. Khawundifundele Sibabalwe.

Sibabalwe: INdumiso 23: Uyehova ngumalusi wam andisweli lutho.

[Wathetha kuloomazwi umfundisi esomeleza ikhaya. Emva nje kweeveki engcwatyiwe uLusanda kwafika abacuphi kulooZuko.]

Chuma: Nkqo! Nkqo! Nkqo!

Zuko: Ngaphakathi!

[Bangena bobabini uChuma noMigcobo.]

Chuma: Baphi abantu abadala kwedini?

Zuko: Basedolophini bhuti.

Chuma: Kulungile ke mfana. Singamapolisa sisuka eMount Frere. Sicela ukukubuza nje imibuzo emmbalwa.

Zuko: Kulungile.

Chuma: Uyamazi uLusanda?

Zuko: Ewe ndiyamazi, ebeyintombi yam.

Chuma: Wazintoni ngesa sehlo samehlelayo?

Zuko: Inye into endiyaziyo mna. Ndambona ehleli noZolile ngalamhla bexambulisana.

Chuma: Ndiyabulela ngempathiswano Zuko.

Zuko: Enkosi.

[Baphuma abacuphi besinge kulo Zolile. UZolile uqoqe zonke iimpahla zakhe wazifaka
ekomini wahamba nazo esinge emlanjeni. Wahlangana naba cuphi endleleni.]

Migcobo: Uxolo mfana ingabe uyamazi uZolile?

Zolile: Ewe ndim uZolile.

Migcobo: Masehle mhlekazi nguye lo. (Ethetha noChuma)

Chuma: Zolile kunjani?

Zolile: Ndiyaphila kunjani kuwe?

Chuma: Kulungile. Ndicela ukukubuza nje imibuzo engephi.

Zolile: Kulungile.

Chuma: Ingabe ubumazi uLusanda?

Zolile: Ewe bendimazi.

Chuma: Ubuyintoni wena naye?

Zolile: Besingabahlobo abakhulu mna naye.

[Bathe besathetha yaphuma inja yamapolisa yavumbulula itshekhasi ebinezampahla zazinxitywe ngu Zuko.]

Zolile: Hamba! Yenzani na yona.

Chuma: Khawuyiyeke mfana, mhlawumbi ikho into eyibonayo.

Zolile: Tyhini! Iyamosha lenja ziimpahla zam ezi. (Wohlutha itshekhasi wakugqiba wabaleka. Amleqa amapolisa.)

Migcobo: Ubaleka ntoni? Kukho ntoni kule tshekhasi?

Zolile: Akukhonto apha. (Wayecinga ukuba yile ebafake kuyo isipho wayesinikwe nguLusanda.) Kukho izinto zam qha apha.

Chuma: Sapha ndiyibone. (Wayohlutha eyijonga ngaphakathi.) Tyhini! Ligazi nje eli! Zidibanaphi iimpahla negazi?

Zolile: Hayi ayilogazi elo sisipho kwaye inge zompahla.

Chuma: Jonga kwedini lento. (Ezikhupha) Yintoni ke le?

Zolile: (Ebeka izandla emlonyeni.) Andi… Kha… Mhlekazi kh… Yimpazamo ke le!

Chuma: Thula mbulali. Nguwe obulale uLusanda.

Zolile: Kanjani? Phi? Umhlobo wam!

Chuma: Vele uthule, yonke into uzakuyithetha enkundleni.

[Wabe uyathathwa uZolile waya kuvalela kwisikhululo samapolisa.]

***

Yitsho: Ungungenza njani ukubonisa ukuba umsulwa?