[U-Esona uvela emlanjeni uncokola noLusanda.]

Esona: Lusanda, ndiyaxolisa ngento eyakwehlelayo mntwana wasekhaya.

Lusanda: Kulungile Esona.

Esona: Uyamazi uZolile?

Lusanda: Ewe ndiyamazi.

Esona: Uxokelani na? Umazi ehlala phi?

Lusanda: Hayike andimazi ngoba uZolile uhlala eDrymora.

Esona: Musa ukudikwa kaloku. UZolile ndadibana naye emlanjeni kulaveki idlulileyo.

Lusanda: Ngoku kwathini?

Esona: Wathi uyandithanda ndala kemna qha ke wandicenga ndade ndamvuma.

Lusanda: Tyhini! Uthini na apha kum? Nawe uyajola? Lamoshakala ihlabathi.

Esona: Ngoku ke uthe uzakunditshata.

Lusanda: Yho! Hamba mtshato, kumnandi nje ukubanguwe. Ngoku ke xa usiya emtshatweni uthini ngesikolo?

Esona: Kutsho bani ukuba ndizakutshata ngoku? Ndizakuqale ndigqibe imfundo yam.

[Kwiveki yokugqibela yokuba uZuko aphindele eKapa uLusanda ubhalela uZuko ileta.]

Dear Zuko

Ndiyaxolisa ngokuba uhambe singakhange sibonane. Ndikhumbula oku kwelizwi lakho, ndicela uze uziphathe kakuhle apho uya khona.

Owakho omthandayo
Lusanda Jongilanga

[Wakugqiba wakhwaza u-Esona.]

Lusanda: Esona! (Ekhwaza)

Esona: Ufuna ntoni! (Esiza)

Lusanda: Ndicela uyonika UZuko lencwadi umxelele ukuba ndisamthanda kwaye ndiyamkhumbula. (Emnika)

Esona: Andizukuyenza mna loonto.

Lusanda: Kulungile, kodwa ulumkele into yokuba ndingakuxeli ngalanto wawundixelela yona.

Esona: Eyiphi?

Lusanda: Eyakho noZolile kaloku. (Etsho encumile)

Esona: Kulungile sapha. (Eyohlutha ezidlikidla) Uyandiqhatha kodwa Lusanda.

[Waphuma u-Esona waya kulo Zuko. Wafika uZuko eqoqa iimpahla.]

Esona: Nkqo!

Zuko: Ngaphakathi.

Esona: (Engena Ngaphakathi) Molo Zuko.

Zuko: Tyhini! Molo Esona. Ubekwa yintoni apha wena wonke?

Esona: Ndithunywe nguLusanda. Uthi ndizokunika lencwadi. Uhamba nini kanti?

Zuko: (Eyithatha) Ndihamba ngomso kaloku. Uphi yena?

Esona: Usekhaya, usale kakuhle. (Waphuma)

Zuko: Kulungile. (Evula ileta) Abantwana base maxhoseni ngokubhala iileta kebona soze ubathini. (Wayifunda. Uthe wakugqiba wahlala phantsi. Kwangene uDilika.)

Dilika: Sele ugqiba mzukulu?

Zuko: Tatomkhulu, ndicela sihlale phantsi. (Bahlala phantsi)

Dilika: Kutheni walila mzukulu?

Zuko: Tatomkhulu ndiyoyika ukuphindela eKapa. Akumnandanga ukuhlala phayana Tatomkhulu.

Dilika: Uthetha ukuthini na mzukulu? Kwekhu! Ngoku ke ucebisa ukuba kuthini wena?

Zuko: Ndinqwenela ukufunda apha. Ndicela undicengele umama, andihambi mna ngomso mkhulu.

Dilika: Kulungile ndizakukhe ndithethe naye. (Waphuma uDilika)

Zuko: Yes! (Exhumaxhuma) Ndizakutsho ndichithe ixesha nesasidenge esingu Lusanda. Ucinga ukuba ndimthanda nyani. Ndifuna nje ukumgqiba, ndakumgqiba ndiye kwabanye kuba bonke bazakundiphaphela.

[Zalungiswa izinto, uZuko wasifumana isikolo esasikufuphi nesika Lusanda.]

*****

[UZuko sele egqibe inyanga efunda emakhaya. Ngolwesihlanu ezintsukwini uZuko uncokola noZolile.]

Zuko: Khawutsho Zolile, uLusanda ubanjwa ngubani pha kwesa sikolo senu?

Zolile: Akanamntu. Kutheni ubuza?

Zuko: Hayi ndibuza nje. Ntwana ndithole esinye isimadzadza pha kobabubhanxa besikolo.

Zolile: Hayibo! Ngowesingaphi kengoku lowo?

Zuko: Basebane qha ngoLusanda.

Zolile: Undixelela ukuba unamantombi amathathu kwisikolo esinye?

Zuko: Kakuhle! Andidlali kanjalo kaloku mna.

Zolile: Bajongana njani kengoku?

Zuko: Andiyingeni mna leyo. Ndifuna kuthi kuphela lonyaka ndibe sendilele nabangapha kweshumi.

Zolile: ULusanda, uthini ke ngaye?

Zuko: Khawundimele mani ngesosibhanxa. Ndidikiwe futhi mna ngulowa.

Zolile: Xa udikiwe nguye kutheni ungamxeleli nje, ukwenzela angazukuzikhohlisa ngawe?

Zuko: Uyamfuna?

Zolile: Tyhini! Uyaphisa na ngaye?

Zuko: Ndicela uphume kwinto yethu ke, ngoba uzakuchatshazelwa ligazi. (Waphuma)

Zolile: (Ethetha yedwa) Nkosi yam. Kunyanisiwe ukuba uthando lingumlilo weendiza. Ndiyamsizela uLusanda ngalento. Ngabahlobo bam aba bobabini qha uZuko akaboniseki.

[Kulo Lusanda. ULusanda uncokola noEsona.]

Lusanda: Esona khange umbone uZuko?

Esona: Hayi khange ndimbone.

Lusanda: Ndiyamkhumbula ke umntu wam ngoku.

Esona: Hamba mntu wakho.

[Kwankqonkqozwa.]

Zolile: Nkqo! Nkqo!

Lusanda: Ngaphakathi. (Wancuma wajonga kuEsona)

Zolile: (Engena ngaphakathi) Molweni endlini.

Bobabini: Ewe.

Zolile: Ndiyabona ukuba niyaphila. (Waya ku-Esona wamanga) Kunjani sithandwa sam?

Esona: Ndiyaphila wena?

Zolile: Ndiyaphila nam. Ndicela usiphe ithuba sithandwa sam ndihambele kuLusanda.

Esona: Kulungile. (Waphuma)

Zolile: Lusanda ndihambele kuwe. Ndiyayiqonda into yokuba awuzundikholelwa tu ke ku lento. Kodwa noba awundikholwa uze umise ingqondo ucingisise kwaye ndizama ukukunceda. Lusanda ungoyena mhlobo wam endinaye. Mna sele ndikuthatha okosisi wam.

Lusanda: Ndiyayiqonda Zolile. Kwaye nam ngokunjalo.

Zolile: Uxolo ke ngalento endizakuxelela yona. UZuko ngumhlobo wam naye, undixelela yonke imfihlo yakhe.

Lusanda: Phuma egusheni Zolile.

Zolile: Lusanda uZuko udlala ngawe. Akasakufuni uZuko. Lus…

Lusanda: Yibambe kanjalo! Kutheni uzokundixelela obobubhanxa?

Zolile: Lusanda ungumhlobo wam. Andiyithandi lento akwenza yona. Inye jwi into ayifuna kuwe kukulala nawe qha!

Lusanda: Kwaqala u-Esona, kwaza umama, nguwe ngoku. Kanti kuthando lwam noZuko nifuna ntoni? Mamela ke bhuti, ukuba iyakuhlaba lento yam noZuko hambofa. (Waphakama waya kuvula ucango) Ukusukela namhlanje ubuhlobo bethu buphelile. Phuma!

[Zange aphendule nelinye uZolile wavele waphuma. UZolile uthetha yedwa endleleni.]

Zolile: Inokuba yinto endizakuyithini na le? Kunzima ukubonisa amantombazana. Andiyithandi lento yenziwa nguZuko. Ndixolela ukulala esiseleni yena uLusanda andizukumncama. Ndifuna ukumhlangula kulento ifuna ukwenziwa sesisiphukuphuku singu Zuko.

***

Sixelele: Sekhe wazama ukunceda umhlobo wakho kwimeko enje ngekaLusanda? Ubungenza njani xa ubunguZolile?