(UNdlela uhamba ecela imali ebantwini ecaleni kwendlela.)

Ndlela: Molo sisi, igama lam ndingu Ndlela. Ndihlala apha ecaleni kwalendlela. Ndicela iR50c noba yiR20c ndizothenga isonka, akhange nditye oko bekusile ndicela imali ebantwini.

Ndlela: Nandenza mama notata. Nandizala nawugqiba nandifanisa nenkunkuma nandilahla etipini, inoba ndenzeni kulomhlaba bawo, kutheni lento mayibendim lo usokolayo? Abanye abantu bangcamla entlutheni (ekhala ejonge enkalweni uNdlela kucaca gca nasesidengeni ukuba uhluphekile emphefumlweni wakhe. ) Sendisisono ngoba ndililolo intwengenabani. Inoba noBawo akandikhathalelanga ngoba kukangaphi ndithandaza. Kodwa akucacinto, kudala ndithandaza endaweni yokulunga kwezinto kuya kusonakala. Ubomi ondibuphilayo ayibubo ubomi obunophilwa ngumntu, ndinqwenela imifanekiso yabazali bam ukuze ndibabhalele kwa Khumbul’ekhaya ukuze bona bakhumbule lomgqomo bandishiya kuwo. Inose ndife, ndingafi njena? Ngoba andiyibomi into endiyiphilelayo apha ebomini

(Wavakalelwa uTshangisa esemadlakeni)

Tshangisa: Nyana awuwedwa, njengoba usokola kangaka, akuntsuku zingephi, intsokolo yakho isezakuba libali lakho.

Ndlela: Tata thetha nam, tata uyathetha? Ndilivile ilizwi lakho tata. Thetha nam Tshangisa:,thetha nam Mhlatyana, thetha nam Skhoma. Uthini tata?

Bherhi: Hayi ngakulinge uqeqe apha wena Ndleleni yintoni ngoku wathetha wedwa, ziyawakushiya futhi mfondini.

Ndlela: Labherheza impahla ezintle kanjena uzithenge nini?

Bherhi: Mamela apha Ndleleni, le ndlela ngoku yonke yeyakho. Uzoyiphatha ngokwakho, mna ndingumphandle kuyo uqala namhlanje. Listen here my boy, from now on I’m no longer a beggar. Ndingu bra Skara uyandiva?

Ndlela: Yha, bra yam unga worry, bra Skara wenze njani? Sewusiskhulu ngokwakho ngoku bra yam?

Bherhi: Bendikuxelele kaloku ndathi masiye, pha kulandlu yala oledi, siyomvingcela wena wathi ungumphandle and now, ziziphumo zomsebenzi wam ke ezi (utsho engabonakalisi nokuzisola oku. )

Ndlela: Ubavingcele bra yam? Yeer umama no Simthandile inobabanjani, awubadubulanga bra Skara?

Bherhi: Suwara mani wena, ndikuxelele ukuba andizuku balimaza ndizothatha okwam ndishiye okwabo and now ndenze into ebendiyithethile. Andibabulelanga mara bebene gwababa (utsho ehleka isqhazolo. )

Ndlela: Yintoni le uyenzileyo bra yam? Babuyisele imali yabo bra please, lento izofaka mna engxakini!

Bherhi: Jonga apha sani ungakulinge ufune ndidlale ngobutyebi bam sendibufumene uyandiva. Ubuthe awungeni ndawo futhi thatha nantsi iR50 uzithengele into etyiwayo uyeke ube ukhamisa utyhale ngoba lo mlomo wakho uzokunceda epapeni.

Ndlela: Mara yi family yam leyana kodwa.

Bherhi: Ingathi awuzazi izinto zodlala nhe? Sapha la mali nzokunika eninzi. (eyixutha imali yakhe.) Awuzukuva nesenti emdaka apha kum. Bendithe masiyomosha sobabini ngoku wena ufuna ukutya nje mahala, chitha utyiwe kwedini Ndleleni.

(utsho ephuma esiya kwi BMW yakhe. )

Ndlela: Bra Skara, ndakucela bra yam. Sundishiya bhuti (emkhweba) Bra yam khandiphe lemali ubuthe uzondinika yona bra. Noba yila R50 bhuti wam.

(Sawube ephumile uBherhi, uNdlela ayokhedama kabuhlungu kubonakala ukuba uya ephelelwa mpela lithemba. Suke kukhale umculo obizwa ngokuba yi gqomu, kwangoko adanise ngokuzinekela unkabi. UNdlela udanise wadanisa ngendlela engummangaliso sawube gqibile uve ngezandla zisitsho ukuqhwaba engalindelanga)

Sipho: Wow, kudala ndibabona abantu abadanisayo. Andizange ndambona odanisa oluhlobo wena udanisa ngalo. Ndicela ukwazi, ungubani waphi? Ukufundele phi ukudanisa njengokuba ubambisa amazinyo?

Ndlela: Ndicela imali yesonka bhuti.

Sipho: Ndizakukwenza isinhanha. Njengoba ufuna imali yesonka, mna ndizokunika engapha kwengqondo imali.

Ndlela: Ndingu Ndlela mna mhlekazi, ndihlala apha eNdleleni. Lamgqomo uwubonayo ngumgqomo endilala kuwo.

Sipho: Yithi wena ubuhlala apha ecaleni kwendlela, unguNdleleni kodwa ngoku mna ndithi intsokolo yakho izakuba libalilakho.

Ndlela: Nyani mhlekazi?

Sipho:Mfondini inye qwaba into ekubambileyo ngoku yile (emnika isivulwano sengqesho) Jonga apha mnta’kwethu sayina apha ngezantsi eso sisivumelwano uqala namhlanje sizokusebenza sobabini.

Ndlela: Nyani mhlekazi?

Sipho:Kusekho izinto ezininzi endizokwazisa zona, jonga masingatyi xesha ngoba zizovala ivenkile. Masambe uyothenga impahla.

Ndlela: Uzondithengela nempahla mhlekazi?

Sipho:Ewe mfondini usukela namhlanje intlutha uyakuyingcamla unaphakade, kude okhokho bakho bakuthathe.

Ndlela: Mhlekazi ndicela ume kancinci ndifuna udlulisa umyalezo kulemigqomo. Migqomo, ndiyabulela ngokuba ndihlale kun’imihla emininzi. Ngoko ke ngendingakhange ndiyingcamle impumelelo kulendlela ukuba beningekho nina migqomo. Nibelikhaya kwilolo intwengena bani, kodwa namhlanje ndithi enkosini migqomo.

Sipho:Masambe kaloku ngoku iseninzi into ozokuyonwabela, uzohlala eSea Point usukela namhlanje.

Ndlela: From emgqomeni to Sea Point? Ndiyabulela mhlekazi, ekugqibeleni ndizophucuka ebomini bam.

***

Khawusixelele: UNdlela ude wayibona indlela yakhe ivuleka, khawutsho oku kukuvisa njani?