(Kungokuhlwa, undakhanya sekulithuba etshonile uSimthandile kunye nonina uNokwakha badlana indlebe.)

Nokwakha:Ye Simthandile ntombi, khawutsho utata wolomntwana ngubani?

Simthandile: Haziba ngomso nzawunxiba ntoni eTown.

Nokwakha:Inoba xa ucinga ndiyamazi utata walomntwana uzakumbeleka?

Simthandile: Ngasesibebahle eTown ngomso yazi ke mama singaqhelwa.

Nokwakha: Ndiyathetha simthandile yintoni ngoku wathetha ngenye into yase Town, ndithi ukhuleliswe ngubani? Okanye awumazi utata womntwa omkhuleleyo?

Simthandile: Ndiyamazi utata womntwana mama, nguSipho. uthi uSipho mandimqhomfe umntwana wam akafuni mntwana yena.

Nokwakha: Uthini?Ngamaqatha egusha ke lawo, akanakumenza sawuba egqibile athi makabulawe umntwana. Tyhini le uthi uyaziva nalo Sipho. Funeka ngomso siyepha kowabo siyofaka ityala lesisu azohlawula.

Simthandile: Mama ndithe ku Sipho makangazihluphi ngomntwana ndizakuba ngumama ndibe ngutata kuye ngoba akabonakalisi novuyo kuba ndikhulelwe (akhawuleze atshintshe incoko uSimthandile. ) Andisayirhaleli inyama yase New Land West, ingase ndiyitye ngoku ke mam’ uba ubuyazi.

Nokwakha: Unjalo ke ngotshintsha incoko, konakona imnandi nyani lonyama yase New Land West yeka wena ntombam ngomso sithi nayo (batsho bemunca intupha ngoku ngathi lenyama bagqiba kuyitya. )

(Akuphelanga mizuzu mingaphi uSimthandile nonina besancokola kuthi thusululu uBherhi sele engena ngokungathi uyagibiseleka emzini ka Nokwakha. )

Bherhi: Andizanga ngobubi, ndize ngothando. Uthando endinalo luthando lwe mali. Ungakulinge ushukume nokushukuma wena oledi. Ndakudubula ngalompu ndiwuphetheyo kutake ubuchopho bakho ngaphandle, uyandiva? Iphi lemali niyifumeneyo kwa Godfrey Company.

(bajongana uSimthandile nonina uNokwakha. )

Simthandile: Ungasidubuli bhuti, asinamali thina. Asiyazi nalento uthetha ngayo.

Bherhi: Ndawusuke ndidubule umama lowakho kengoku into ozawusuke uyibone, andibuzanga ninayo nha imali . Ndithe saphani imali niyandiva.

Nokwakha: Akuncedanganto ntombam uzasidubula lo mntu masimnike, khupha amakhadi sisi awathathe akunamsebenzi

(kwangoko uSimthandile awakhuphe. )

Bherhi: Ingathi ninempempe saphani lamakhadi ngoku nawugqiba ningene ezingubeni, ngoku ninxibe impahla. Ngenani nithandaze nibonge ophezulu ngoba unisindisile ( wathatha amakhadi uBherhi sawugqiba wanyantsula ukuphuma eqongeni nompu wakhe ongasebenziyo. )

(USimthandile kunye nonina uNokwakha bazigqume ngengubo kwada kwasa, zacima izibane eqongeni. Zaphinde za khanya, ukubonakalisa ukuba sekusile.)

Nokwakha: Simthandile vuka sisi kusile, lihambile elitutu.

Simthandile: Mama ndiyoyika mna ngoku, andizange ndakhonjwa ngesi bham ( utsho uSimthandile ezigqumile ngengubo. )

Nokwakha: Vuka Simthandile siyobambisa emapoliseni kwangoku sise xesha.

Simthandile:Masiqale sihlambe mama.

Nokwakha: Masambe ngoku singahlambanga siyovula ityala Simthandile, yhini imali yam engaka kula makhadi. Nkosi yam thethelela nali isela lindihlutha ubutyebi.

(Kwangoko uSimthandile nonina Bavumbuluka, bathatha omondlalo babo baphuma nabo eqongeni. )

(kudlala umgaranto kumabona kude, kuvela uSipho)

Sipho:Molweni babukeli emakhaya, igama lam ndingu Sipho. Ndifuna abantu abazithembileyo ukuba bayakwazi ukudanisa, ndifuna bazoku danisa kwikhuphiswano olukhulu lomnyhadala we Cape Town Dance Competition. Ipantsula dance, ndifuna elowo nalowo ayibone ukuba iyaphila kwaye isabukeleka. Ukuba unomdla wokudanisa okanye uyakwazi ukudanisa nceda undifowunele kule nombolo ilandelayo 060 4694 497, okanye kule imeyile ilandelayo lungelonqop97@gmail.com.

(akhawuleze aphume esawube ewugqithisile umyalezo wakhe. )

***

Khawusixelele: UNokwakha uxuthelwe amakhadi ache, uziva njani ngoku?