Bherhi: Ola mfowethu, kutheni ingathi wena awusikareli njengoku. (kokwangoko uNdlela afihle imali yakhe. )

Ndlela: Ndisazama bra Bherhi, ndisacela ebantwini nzokunika yonke xa ndiyifumeneyo imali. Ndicela imali noba yi R2 (nzothenga isonka waqhubeka watsho undlela. )

Bherhi: Well done my girl, uzothenga isonka ucela iR2, uzothenga isonka. Ngubani lomntana uyintombi ubuthetha naye apha iskhathi eside kangaka?

Ndlela: Bendithetha no Simthandile, ndandihlala kowabo, mara umama wakhe wandigxotha.

Bherhi: That’s good news and bad news, wawulibamba kwesakhe nhe? So, ukushiye na malini lo mntwana wakokwenu webhongo kengoku mfowethu?

Ndlela: Akandishiyanga namali uthe uzawundiphathela imali eninzi ngomso.

Bherhi: Okay, interesting, ukuba ndakusetsha ngoku andizufumana nto apha kuwe? Phendula!

Ndlela: Awuzufumana nto bra yam (ebungcangcazela. )

Bherhi: Yintoni ungcangca zela ngoku yizake ntwana yam. ( wamsetsha wayithatha yonke imali. )Yintoni le! Yinyheke kamqithi le, awuzubasafumana ne ntwana emdaka kule mali. Ucinga unengqondo, ndikuphe indawo yohlala ngoku wena ufuna undibalela?

Ndlela: Uxolo labherheza, cela undixolele bra yam. Ubomi bam uyabazi ukuba buxhomekeke kule mali ndiyicelela thina sobabini umhla nezolo cela undiphe nobayiR50 bra yam, ndilambile nyani. Oyini bra yam.

Bherhi: If you are serious, ndixelele kuqalalo mntwana uyithathaphi lemali ngoba akanovele akunike iR500 yonke. Ngumntu osisityebi yedwa umntu onokwenza lonto, usistyebi nhe?

Ndlela: Andinothi usistyebi bra yam.

Bherhi: Ungathini ke ngaye, ukuba uyayifuna nyani leR50 ndixelele into evakalayo mfondini uyabona thina siyahlupheka apha.

Ndlela: Bra yam, lo mntwana kunye no mama wakhe baphunyelwe yimali yomsebenzi, utata wethu wawa ne lori yomsebenzi. Yile mali le yenza ubabone umhla nezolo besiya edolophini ndingatsho ndithi banayo imali kodwa ke banako ungcola phakathi ngoba mna bandigxotha kwelakhaya.

Bherhi: Oooh, banemali. Khawutsho ke ukuba ithini inombolo yendlu abahlala kuyo ngoba mna ndifuna sibuyise isixhiba. Yha masiboleke isibhamu siyihluthe lontlutha yabo ukuze siyitye ngokwethu (utsho ebamba uNdlela. )

Ndlela: Hayi ungandifaki kwinto edibene nohlutha izinto zabantu mna, kwaye andizukuxelela nombolo yandlu mna.

Bherhi: Hayike kutsho ukuthi awuyifuni nyani mos wena leR50. Jonga Ndlelisto mna nzothatha iR250 ndikunike eyakho iR250 ukuba undixelele lenombolo yalendlu. Ungashiyeka wena ukuba imali awuyifuni kodwa uzuyazi ukubuya kwam, andizukunika nto ngoba ikakade kufa ayayo. (utsho ekhupha imali eyohlula. ) Ndlela mna ndidikiwe yintlupheko. Ithini inombolo yalendlu, ndikunike imali yakho ngoku?

Ndlela: Inombolo ithi 15482 Nondakuthini Street, Bloekombos, Kraaifontein,7570. Sapha kaloku imali yam ndikuxelele (utsho sele khongozela imali yakhe ku Bherhi. )

Bherhi: 15482Nondakuthini Street,Bloekombos,Kraaifontein,7570. Ndim nabo nini namhlanje, masambe sobabini sizokuzifihla ubuso abazukusibona, ndithembe angeke basazi ukuba sithi. Masambe sobabini, awufuni ukuba sisityebi kanti wena?

Ndlela: Ndiyafuna ukuba sisityebi Bherhi, kodwa ngendlela efanelekileyo neyiyo. Hayi ngokuba izinto zabanye abantu, njengoba benditshilo mna andiyi ngeni lento uyicingayo.

Bherhi: Yeka Ndleleni, hlala kule ndlela yakho ikakade awufuni ukuba sisityebi, ucinga ukuba ungaphinde uphumelele ngoku ukulendawo ukuyo. Kuphelile ngobomi bakho ngoku, jonga sinxibe iplasitiki sobabini kodwa awufuni siyokhuthuza imali esis’thonga.

Ndlela: Ndicela undishiye Bherhi ndihlale ndodwa, ndiyakucela bra yam.

Bherhi: Bye Ndleleni, kodwa ubuya kwam nzohlala eSea Point ndodwa wena usezakuhlala apha kule migqomo ubomi bakho bonke ingathi awuqiqanga nje.

Ndlela: Ndicela undishiye bra yam ( akaphozisa maseko uBherhi wavumbuluka wahamba ngelixa uNdlela eqhusheka imali yakhe sawugqiba waphakama wayokuzithengela into etyiwayo, waphuma eqongeni. )

***

Khawusixelele: UNdlela anikeze nge dilesi kaNokwakha, ucinga ntoni ngesenzo sakhe?