(Kusemzini kaTshangisa: sekuzi veki ezimbini engcwatyiwelwe kwe Lase Lady frere ku Maqhasu kumhlaba wokhokho bo khokho bakhe. Sibona uSimthandile kunye Nondlela behlele ndaweninye bejongeke belusizi. Ingulowo nalowo uthe ngqwadalala ku khedama into ephambili. )

Nokwakha: Yintoni ngoku, nahlala oluhlobo ingathi nam ndifile? Ningakulinge nihlole apha akunuki nakamnandi caba mna sbhanxa mandivuke ezingubeni zam. Ndizikhabe sawgqiba ndiphekele nina nibadala kangaka (Kwangoko abe sele ephakama uSimthandile ezakuyolungisa into yotya. )

Nokwakha: Khawuhlale phantsi ke wena ntombi yam kunini wasiphekela umhla nezolo, ndiyaqonda inoba ubudinwa ngoku. Phakama wena Ndleleni. Uyokusenzela thina into yokutya uyeke wena ukuba uhluthi (Waxhuma ngesihlangu undlela apho esalibele kulibazisa. )

Simthandile: Mama sukumbetha umntasekhaya nzokupheka ngokwam.

Nokwakha: Awundivanga nditheni, ndithe uNdleleni makapheke ngokwakhe ( Wonqena gqithi atsho ngobuso ingathi yingcuka apha. )

Ndlela: Ndizawupheka mama bese ndiwa bekile amanzi inokuba ayatsholoza ngoku.

Nokwakha: Usathi ‘ndizo’. Wonqena gqithi ubu nwambuza futhi awuzukutya nyani njengokuba ingathi ugcwele ukonqena, mna eyam indoda iwunabele uqaqaqa kwaye andizuphathwa ngu mcholwa kaloku. Angekhe, angekhe! Uyandiva!

Simthandile: Mama suthi ngu mcholwa umnta’sekhaya

(Watsho emthuthuzela uSimthandile exolisa uNdlela. )

Ndlela: Mama kutheni ingathi uyandikhetha nje mna apha endlwini (atsho echiphiza inyembezi. ) Kuleveki iphelileyo oko kupheka mna. USimthandile awufuni ahlambe nempahla ezizakhe funeka mna ndimhlambele ngokwam. Noko ma! Mna ndibu kruquka yilento uyenzayo! Uphinde undibize ngomcholwa! Umcholwa! Kodwa ndingu nyana wakho. Awundithandi mama ndixelele!

Nokwakha: (eqhwaba izandla) Hayi andizange ndaxakwa yinile. Vuka emangcwabeni Tshangisa uzothetha no nyana wakho. Mamela apha kwedini mna andizukuva ngawe lee yona indlu ithi mna, kunye nentombi yam. Wena wafika ngela bhayi livala phantsi kwe cango, elabhayi limdaka lelikanye wena wawuze ngalo. Umntu oyazingcono into yakho nguTshangisa ngoba yena wayeku funqule ngezakhe izandla, ekuthuthuzela hayi mna. Uyamazi wayekufumanaphi?

Simthandile: Mama kwanele myeke ngoku uNdlela

Nokwakha: Uthule kewena andithethi nawe. Wayekufumana emigqomeni emdaka enobumdaka bodwa, usebu xelegwini benkunkuma wakuthatha ulambile unuka nokunuka, ngoku ufuna undiphatha, apha kwam! Chitha utyiwe mcholwa ngoba into ozakuyibona ngoku kuku- (aginye amazwi akhe)

Ndlela: Kukuthini mama thetha? Kukuthini into endizakuyibona mama?

Simthandile: Mama ndiyakucela ungamgxothi uNdlela!

Nokwakha: ‘Kukunyihni, kukunyhini’. Kuku gxotha uphume ngalo wawungene ngawo uhlele uyinjubaqa, uyeke neskolo kakade! Akhonto ulincedo ngayo apha endlwini yam. Ngoku ke! Hayi phindela emigqomeni kwi khaya lakho mhlawumbi no nyoko wakho uyaku tyiwa yinimba xa ekubona sele umdala kangaka.

Ndlela: Kudala ndiybona lento yakho mama ufuna undi gxhotha. ufuna ndihlale estalatweni mama. Ungu mama onjani? Ungumam’onjani ongacingeli umntwana womny’umntu, mandiyenze lento uyifunayo sapha impahla zam pha Simthandile! Saph’mpahla zam ndi phume ndiphele kwelikhaya. Ndim kaloku ongumcholwa ndacholwa, kodwa nandikhulisa mna andiyazi into eniyifuna kum! Simthandile mntase ndlini ndizokukhumbula. Amazwi okugqibela phambi kokuba ndiphume. Ababeke badibana bayaku buya badibane! Isingqala sam ndiyasqalekisa. Yiza nebhegi zam kwelacala ndiyahamba ngoku ndiyapho ndingazi khona. Yiza nempahla zam sube untlimpinika Simthandile, sundibamba yiza nempahla zam ndiye kwa ntliziyo ndise apho ndingazi khona!

Simthandile: Ndiyozithatha ngoku bhuti.

Nokwakha: Ndiyozithatha bhuti, awunantloni ukuthi ‘bhuti’ kulomcholwa inoba nicinga yindlu kabana na le? Apho nizakuzenzela khona unothanda. Yeyam ke le indlu nemali yomyeni wam izophuma kungekudala, Mcholwa yide uhambe ungaze uphinde uze apha uyandiva! Wacholwa kwaye awuzuva mpahla hamba ngezo uzinxibileyo uzazi uyandityala ngoba ikwayimali yam naleyo uyinxibileyo. Ukuba awuhambi nzothi khulula impahla ezo uzinxibileyo.

(UNdlela yena kwanyazeleka abheke kwizi ncathami, atye ukutya emigqomeni, anxibe iplastiki. )

***

Khawusixelele: Indlela uNokwakha aphethe ngalo uNdlela ayiginyisi mathe, athini izimvo akho ngoku