Unondaba: Nkqo entloko ixesha yintsimbi yesixhenxe. Ezanamhlanje indaba nizi fundelwa ngu Ncakasana Avela Makhephu, isimo sotywala sizimisele ukuwugqugqisa umzi wakwantu, baze ke bona abahlali base Mpuma Koloni, bagqiba kwelokuba utywala mabuthengiswe ngabathengisi abanempepha ezinesigxininiso semvume yokuthengisa kuphela. Kuxakwe oomantyi ubuqu ngamatyala wentsangu amabanjwa athi awasiboni isizathu sokuvalelwa kodwa intsangu isemthethweni ngoku. Izigqibo zisamisiwe kancinci kodwa masithembe akunode kufike unyaka ka 2021 zingaphumanga. Ezindaba zisa qhubeka. Iqhekeziwe ivenkile yempahla edumileyo nto leyo ibangele uloyiko olukhulu kubobonke osomashishini abaziwayo. Umphathi wama polisa kweliphondo uthi bonele lulwaphulo mthetho bazoqinisa isandla ekulweni lo mkhwa wogqekezo lwezindlu. Ibelusizi kwiilori ezimbini ezitshayiseneyo baze ba sweleka bonke abebekwenye yezo lori, sibuhlungu kwiintsapho ezibhujelwe zizalamane. Ziphela njalo ezanamhlanje indaba babukeli bam ndini thanda nonke emakhaya.

Simthandile: Mama khawuzova lento ithethwa apha kulo mabona kude kuthwa kuwe ilori yakwa, yekwabani nha le lori? Utata yena usebenza kweyiphi inkampani kanti.

Nokhanyo: Utata wakho uqalenini ungamazi ukuba usebenza kwa Godfrey company utsho kuba kutheni mntwanam, utata wakho inoba sesendleleni ngoku angangena nanini nha.

(Wakhala kabuhlungu unomyayi wawuxhumela ngokwakhwe uSimthandile. )

Ipolisa:Hello. Sibuzisa ngoTshangisa Buntu Chaphayi. Ingaba uyaziwa? Ungubani? wena uyintoni kuye? (Igama lakhe balifumene kwi yakhe. )

Simthandile: Hello mna ndiyi ntombi yakhe ingaba kukho ingxaki mhlekazi?

Ipolisa:Hay wena sisi zinto zomhlaba. Ngubani okhoyo omdala kunawe endlwini?

Simthandile: Ngu mama, naye ukhona ingaba kukho ngxaki mhlekazi?

Nokwakha: Khawusapha le fowuni wena Simthandile ngumhlekazi wantoni lowo efowunini yam, hello ungubani wena? Ungathi uthetha nabani efowunini yam, ngoku ubu fowuna ubufuna bani wena kanti?

Ipolisa: Ndilipolisa lomthetho.

Nokwakha: Ngoku mna ndingenaphi emapoliseni andilobanjwa mos, ndicela nenze imisebenzi yenu kakuhle niyeku fowunela abantu abangenatyala apha.

Ipolisa: Mama ndimamele kakuhle, ilori yase Godfrey Company iye yatshayiswa yenyi lori kwaze kwasweleka bonke abasebenzi kule yase Godfrey Company, nomyeni wakho kuthe kanti ebekhwele kwelo qela libhubhileyo. .

Nokwakha: Uthini apha kum uthi uTshangisa wam utheni? Uthini? Thetha!

Ipolisa:Uswelekile mama ndicela uxolo (lawugqiba layicima iselula yalo ipolisa lihlikihla intloko yalo. )

Nokwakha: Yhuuuuuu! Yhuuuu! Yini umyeni wam! (Wasitsho iskhalo uNokwakha. )

Simthandile: Utheni utata mama?

Nokwakha: Uswelekile mntanam kuthwa ebekwilori etshayisiweyo

(Batsho besitsho esikrakra isikhalo ngokungathi kuzokuthiwa kuya xokwa. )

***

Khawusixelele: UTshangisa ulikhabile ibhakethi, uziva njani ezindaba?