[Zinyanga zimbini uLungiswa noZolile betshatile. Kusemva kwentsimbi yeshumi ngoLwesibini, siseNew Rest eGugulethu. ULungiswa ungqengqe phezu kwesihlalo kwigumbi lokuphumla. Ebusweni upholelwe ngamalanga uncokola nomhlobokazi wakhe uNcebakazi kuMXIT.)

Darkangel: (Lungiswa). My 4rnd. H is nt hr agn.

Nonky: (ncebakazi). Wr is he?

Darkangel: andimaz skat. Ndisalindile.

Nonky: Uzobaryt m 4rnd.

Darkangel: Ut akajoli wer h is?

Nonky: brb.

[Kuthi cwaka kungabikho ntshukumo kuye ixetshana. Wade wadinwa kukulinda uLungiswa wacima uMXIT wakhe walala. Wathi esalele njalo weva kunkqonkqozwa emnyango. Waphakama waya emnyango wakroba ukuba ngubani na. Wabona ukuba nguZolile umi bucala engqiyame ngomgubasi lo wecango. Wavula ucango wabuya umva ukuze angangqutywa lucango xa kuvulwa. Wangena uZolile engabethelwa nangu do kukusokolisa umntwana womntu.]

Lungiswa: Ndihlale mna sithunzela sakho ndilindele wena? (wabhavumla uLungiswa ngomsindo.)

Zolile: Lungiswa! Lungiswa! Ndiyeke maan. Khange mna ndihambe nabhedi xa ndisiya kulendawo bendisuka kuyo. (waphendula uZolile engahoyanga ukuba loonto ingena njani kuLungiswa.)

Lungiswa: NdinguLungiswa namhlanje kuwe?

Zolile: Kanti, ayilogama lakho elo?

Lungiswa: Awundazi ukuba ndingu Nokwandisa?

Zolile: Nyuka ukuba uyathanda maan, ndakubhaka mna qha.

Lungiswa: Shem! Ndingawa ngaphaya kwakho mna. Anditsho ukuba awunondibetha, qha ixhala lam yinto enokwenzeka emva kokuba undibethile. Ubuyotya lemali ngoku? Iphi ke eyophangela ngomso s’thandwa sam? Huh? Uyishiyile yona okanye uyigcinise kumathumbu kwilali yasesiswini?

Zolile: Ungake ulinge undiqhele ncangathi wena Lungiswa uyeva? Ndehle!!

Lungiswa: Kulungile ke Zoro xa usitsho. Ukusukela namhlanje, ukuba ufile ungazokhalela mna apha. Ndakubulala ngezandla mna ukuba ungayenza loonto.

Zolile: Uphambene wena, ndingeza njani kuwe xa ndifile. Khona ungandibulala njani xa sendifile?

Lungiswa: Ukuba ulambile ukutya kwakho kukwisifudumezi.

Zolile: Akukho nesiselo esi sibandayo? Kuzofuneka sizame umntwana khe sithume nathi. Uthini wena?

Lungiswa: Ndithini ngantoni? Ubungayokwenza yena kulendawo uvela kuyo? Uve kusithiwa umntwana wenziwa yindlu le undishiya kuyo ndodwa?

[Wayengathi angagqushalaza phantsi uLungiswa ngumsindo. Wahamba wayongena egumbini labo lokulala, wabuya ephethe ingubo nomqamelo. Wawuphosa phezu kwesihlalo esikhulu akugqiba waya kwigumbi ebevele kulo. UZolile weva ngokujika kwesitshixo ukuba inkala ixing’etyeni. Ngobo busuku walala esitulweni kwade kwasa)

[Kwathi kwakusa wazenzela iti uZolile waphunga wahamba eshiya uLungiswa elele. Nanko ethatha isithuthi sika wonke-wonke esiya eMowbray.]

[Masiqale sijonge ubuhlobo bakhe noTera ukuba budibene ndawoni na. UTera lo igama lakhe nguThembelani Ntozini waseDikeni. Uphangela kumzi wolondolozo kwezimali (ibhanki ngelasemlungwini). Yena noZolile badibene ngeyelenqe lokuba uZolile makatshate intombi engahoyanga nto. Ze athi ekuhambeni kwexetsha abhalise indlu yakhe egameni lomkakhe.

[Yena Zolile uzakuboleka imali yemboleko esisaxa encediswa nguThembelani lo. Emva koko ayeke umsebenzi, lona elishishini alinokwazi ukuthatha impahla yomfazi wakhe ukuba uthe bohlukana kudala. Aze acele ishishini elibucala limthengisele indlu yakhe esegameni lomfazi. Bathathe imali bayohlule phakathi, baqale amashishini emva koko.

[Ngoku uZolile ngezolo ufumene ikhulu lamawaka eeponti anamawaka alishumi. Uyithathe wayifihla egameni lomfazi wakhe uLungiswa. Nalengxabano yayizolo ibangelwa kukuba ukhuphe amawaka angamashumi amabini eeponti wawanika uTera, ehamba noLungiswa kuba kufuneka yena ukuze iphume imali. Namhlanje kuzogqitywa ukuba kudityanwe nini ukuze ikhutshwe lemali yohlulwe.]

[Ufike kuTera wamcela ukuze badibane bucala, kuba abantwana bakhe babekhona. Waphuma naye bangena emotweni kaTera, lamnyobo wamhla mnene.]

Zolile: Tera mfondini masikhawulezise lento. Ndifuna kuphume uLungiswa endlwini yam ingekafiki i-FESTIVE mfondini. Kukho elinye iparaparakazi laseDurban elingxamele ukuza apha.

Tera: Masihlanganise amarhuzu ngomso kuhambe elithesho.

Zolile: Labharikazi iphaya endlwini yona ndizoyinika nje i two thousand imke iphindele eTranskei. Kaloku ibingelothando, ibilushishino qha.

Tera: Ndikwazi unjalo mfokabawo. Hamba kengoku ulungiselele izinto zangomso.

Zolile: Moja mpintshi yam.

[Wahamba uZolile enefuthe lokulungisa izinto endlwini akufika. Kodwa namhlanje ubuliswe ngoncumo nguLungiswa kudlala umculo opholileyo.]

Zolile: Lungiswa hlala phantsi ndifuna ukuxelela ukuba izinto zithini na apha endlwini yam.

Lungiswa: Yima ke khehle ndingakuqhawulanga. Le indlu yekaLungiswa lo undim. Ukususela namhlanje ungaze uphinde ubuye ngobusuku, okanye uyawudibana nempahla yakho ikulinde apho phandle. Ngomso lo usayo, ndiza kuthengela isithuthi ukuze wena uqhubele abantu abaya edolophini. Imali eshiyekileyo ndizothenga izinto zalomzi. Le isekhadini lam, yeyam ke. Hamb’uyomangala emapoliseni.

Zolile: Uphambene Lungiswa. Yazi ziyakushiya. Wena ngomso uzakuya ebhankini uyokhupha imali yam yonke undinike. Wakugqiba ndikunike into ekufaneleyo wena uthathe loonto ugcwale indlela. Siyevana?

Lungiswa: Ndiyakuva, kodwa andikuveli ntweni mna. Ingxaki inye apha…

Zolile: Ungakhe ulinge undiqhele kakubi.

Lungiswa: Mamela kaloku Mnkabane wam. Imali yona yilibale kuba izakwenza iingxaki zalomzi qha. Wena into omawuyenze kukuzimisela entweni qha.

Zolile: Jonga ke nontombi, apho kulomali ndidibene namarhuzu angahlekiyo ngemali yawo.

Lungiswa: Lo Tera wenu, myekele apha kum ndikulungisele yena. Uzogqibelisa ukuza apha kwam ngomso. Ukuba uyakoyisa, uzumyekele apha kum ndimnqumle impahla. (yatsho lentokazi ihlala phantsi phambi komabonakude.)

Zolile: Uzawufa wena uphapha nje.

Lungiswa: Khangela intambo yesigcawu uzixhome. Okanye zintywilisele phaya kwesasitya samanzi.

[Wagqwashula uZolile ukuyongena kwigumbi lokulala. Waphuma ephethe umpu wayokuma phambi koLungiswa ekhuphe amehlo. Wambamba ngesixhanti wambeka izulu lezandla ebunzi)

Zolile: Jonga apha wena bharikazindini. Sapha elokhadi ubhale nezonombolo zemfihlo zakho ngoku. Okanye ndakuchitha indlu yobuchopho ngoku.

Lungiswa: Ndiyayazi okokuqala ukuba soze undibulale ingekho kuwe lemali. Okwesibini ngomso kuzoLungiswa izabatha kwimilenze yabantu abaninzi. Linda kude kuse wena, umntu ngamnye uzofumana akulimileyo.

[Wajika uZolile waphuma emnyango engakhange abhekise nelimdaka kuLungiswa. Wade wayolala uLungiswa engabonakali uZolile ukubuya.]

[Kwathi kwakusa waphakama uLungiswa wahlamba ukuze alungise izinto zakhe phambi kwalengxaki yayizakubakhona. Wathi akugqiba ukuhlamba walungisa waphuma ukuya entweni ekhwelwayo. Kwaqina imini engabuyi kwabe kukho uZolile efike noTera, abafo beesuthu ezimnyama ababini nenenekazi elinye elalihleli phambi kukamabona kude.]

Tera: Lomfazi wakho ingathi kanti umke nemali yethu waya eMpuma-Koloni. Ndakumbulala ndingangxamanga ukuba angalinga ukuzama loomkhuba apha. Wena mfowethu thetha nento yakho iyeke ukusiqhela sizizamela.

Zolile: Sori mfokabawo man. Ndizoyilungisa yonke lento mna ukufika kwakhe.

Tera: Ungamshiya yedwa maan umntu egcine imali engaka? Ukuba akabuyi lomntu apha sizohamba nawe thina.

Intombazana: Bhuti Zoro, tsalela lomfazi wakho kungade kuqine imini silapha. Ndiyaphangela emva kwemini mna, futhi yonke lento indityela ixesha.

Zolile: Hayi Minky maan! Ngawundiyeke maan ndicinge icebo elilula lalomntu.

[Bathe besathetha njalo kwangena uLungiswa emnyango ephethe ukutya akunkinkqileyo nenyama. Wafika wabulisa kumntu wonke, akwavunywa kodwa bemthe ntsho ngamehlo.]

Lungiswa: Kutheni anavuma xa ndibulisa? Abanye bajije ubuso ngathi baphethwe sisisu segazi. Ndinganinceda?

Tera: Yhe sisi! Ndizothatha imali yam kuwe le besiyinike uZolile. Ngoku masihambeni siyeni ebhankeni siyokhupha yonke imali ephaya. Uyeva ukuba ndithini?

Lungiswa: Bhuti, uyawazi umthetho?

Tera: Buza entanyeni ubhalele edolweni.

Lungiswa: Ukususela oko ndeva ukuba nenza ntoni nina nobabini, ndiqokelele bonke ubungqina endinabo ngani. Ndabufaka ndaweni nye, intetho efungelweyo enani yisebenzisa isuka emapoliseni noZolile lo, kunye nemishicilelo yeentetho eziphakathi kwenu nobane. Zonke ezonto zisegqwetheni lam ukuze kuthi ukuba ndithe ndehlelwa nokuba lukhohlelo na, adlulise loo mqulu emapoliseni. Wona azochola-chola nina nobane. Izolo ndivuke ndaya ebhankini ke. Ndifike apho ndafaka yonke lamali kuvimba ukuze ndifumane inzala inyanga nenyanga. Nina nonke anifumani kwapeni le igoso. Ukuba wena Thembelani unesikrokro kuloonto uze udibane nomzala wam ongumcuphi phaya eFlakeni, naye unomqulu endithe aze awugcine kanjeya. Uzakuwuvula xa kukho into enokwenzeka kum nokuba ndikhuthuzwe yimigewu. Loo nto ithethe ukuba ndim onemali apha, kwaye andinazi nina kuyo. Phumani kengoku endlwini yam, ningaphinde ndinibone apha. Ukuba ndingaphinda ndibone namnye apha kuni, ndakumenzela nzima ubom naphakade.

Tera: Awunakuyenza loonto ngemali yethu. Kungafa intwana.

Lungiswa: Zolile! Khupha ezitshomi zakho endlwini yam ngoku. Xa ndibuya apha ndifuna kube kubetha umoya. Wena kufuneka sithethile ngendlela entsha nemithetho emitsha yalapha endlwini. (watsho ephuma kwedini lomntwana ehamba bethe matsha endlwini.)

[Waphuma waya emapoliseni wafika wagqugula nelinye lawo. Akugqiba apho wabuya edlula ngomnqambulo nesibindi senkomo esikhululweni sikaloliwe iHeideveld. Wakhe wahlala komnye umama azana naye apho kwaba bathengisa apho ngasesikhululweni.]

[Wabuya xa lithi ndithenge ehamba ethe chu engangxamanga. Wafika endlwini kuphole umoya kuhleli uZolile owayenganxilanga namhlanje. Ukusukela ngalomini uZolile wayefika mgexesha endlwini nangona izinto zazingasafani nakuqala phakathi kwabo. UZolile ngoku uqhuba isithuthi sikawonke-wonke umnikazi waso nguLungiswa.]

[Umzi wabo unesidima kwaye uhlonitshiwe ngabantu. Namhlanje banosana oluveki-mbini lukhona. Ukususela ngentlanganiso uZolile zange aphinde adibane noTera.]

[Isiphelo]