[Kodwa apha ebantwini uthi usebenza ezi-ofisini zikarhulumente, kwaye uneshishini lokuthengisa amasheya kwi-intanethi. UMnkabane lo akazanga waba nalo uthando lomntu obhinqileyo. Ungandivi kakubi mfundi, umfo kaMda yayingulewu, ethandwa ngamantombazana alendawo. Wayethi xa ebona intombazana ayincwasileyo athethe konke okunoyenza imthande.

[Wayedume ngokubhala imibongo eyenza abasetyhini bangayivali imilomo. Kodwa akukho namnye umbongo awakhe wayibhala ukusuka kweyakhe ingqondo. Wayeqokelela imibongo ayikhuphele emaphepheni encwadi ze ayidlulise kumanenekazi ancuma nawo esithi ibhalwe nguye. Lalisithi liyifumana inyani inenekazi kube sekophulwe.

[Namhlanje uhleli noLungiswa, intombi yalapha eGugulethu. Abababini badibene izolo eCharlesville Mall.]

Lungiswa: Baby! Ubuthe kaloku namhlanje sizoya endlwini yakho. Ubuthe ugcine nje indlu yomntakwenu, ngoku akade afike.

Zolile: Masimlinde afike my baby. Eyona nto indenza umsindo uzula ngemoto yam imini yonke. Kudala ngoku bendiphutha-phutha kwaLanga, balindele ndiyobalanda. Amakhadi am ebhanki aphaya kulamoto, ngoku ndingumpha nje.

Lungiswa: Thoba umoya mntuwam, uzakuufika ngexesha lakhe.

Zolile: Ndineqhinga lokuhambisa ixesha s’thandwa sam. Masivale iminyango sibilise udonga ngoku angekafiki. Ukufika kwakhe sizobaleka siye endlwini yam eKuilsrivier.

[Hayi ke kwamnandi kwayilonto kupetsuliswa zingubo kubheka phaya. Wathatha ixesha lakhe uZolile kuba akukho mfowabo ngandawo apha, lendlu yeyakhe futhi akanayo nalomoto. Qha yena ufuna ukuzonwabela nalentokazi, ngoku isalingele imoto yakhe engekhoyo. Wayigcina kulondawo uMnkabane incoko emana ukujonga engafuni idlule.]

Zolile: S’thandwa sam! Ndicinga ukuba ngoku silindele lomfo afike, thina singabi saya kwaLanga. Ndifuna sidlule ngento etyiwayo eKapa xa sisiya kwam. Ucinga ntoni wena?

Lungiswa: Nam andimi ngaphambi kulo mbono wakho s’thandwa sam. Ndilambe kungoku mna.

Zolile: Ndicinga ukuba singathatha kobubugcwabalala balomfo busetafileni. Masifumane nokuba ngamagwinya amabini anesibindi sibe sisitya.

Lungiswa: Ndingatya nokuba yinja namhlanje s’thandwa sam. Mandikukhaphe sikhangele ezindawo kuthengiswa kuzo amagwinya.

Zolile: Ndilinde apha my baby. Andifuni ubesengozini kuba ezintwana zalapha azindazi. Ngoku zingazama ukufumana nantoni na enokwenza imali.

Lungiswa: Okay ke sthandwa sam, ungahamba.

[Waphuma uZolile ebukhawuleza kuba wayengafuni ukulandelwa nguLungiswa, hleze badibane nabantu abanokukhupha uhili ezingcongolweni. Wahamba, waya ngqo kwaBongiwe apho aqhele ukuwathenga khona amagwinya anesibindi. Wawafumana njengoko ebelindele ukuwafumana.

[Wakhe wahlala phantsi ukuze angabuyi kwangoko ukuya kuLungiswa. Emva kwexesha ehleli encokola nabafana afike bekhona apha, waphakama wagoduka ethe chu. Wathi xa azakuvela endlwini wakhawuleza ngokungathi ebesiza ebaleka. Wafika uLungiswa ehleli phantsi esihlalweni.]

Zolile: Yazi s’thandwa sam, ngamanye amaxesha ukushiywa endaweni ongayaziyo. Ndigqiba lendawo yonke ndifuna indawo ethengisa amagwinya. Nako ndilahleka apha kwezindlela zalapha zingabhalwanga.

Lungiswa: Besele ndicinga ukuba inoba uyawapheka lamagwinya. Khona, asonelanga isiselo kulemali, lento ungasiphethanga?

Zolile: Lungi, s’thandwa sam, sele ufuna ndilahleke mpela kulendawo ndikhangela ivenkile?

[Bahleka kwamnandi balibala ngalonto. Waphakama uLungiswa wenza iti, baphunga bonwaba besitya amagwinya anesibindi. Bathi bejonga ixesha yabe ilicala emva kweyeshumi ebusuku)

Zolile: Ingathi lomntu akafiki, futhi nefowuni yakhe akayiphenduli. Masingqengqe apha emandlalweni wakhe zesivuke akufika lomfo.

Lungiswa: Ukuba ndilele kemna andizuvuka. Sisenokusuka sihambe ngomso ukuba ufuna sihambe.

Zolile: Masikhulule silale s’thandwa sam, ubusuku bufutshane.

[Bakhulula bangqengqa bebukele umabonakude. UMnkabane zange aphozise maseko, wawela iziko kwasa phandle kungalalwa buhlayo. Kwathi kusisa babe besozela bobabini ngathi bebesemvuselelweni ubusuku bonke.

[Wavuka ngenj’ixukuxa uZolile wathatha isithuthi sika wonke-wonke esiya eMowbray kuTera umhlobo wakhe. Wafika wagqugula naye into ende akugqiba wabuya eqhuba umnyobo wemoto emnyama. Wafika uLungiswa egqibezela iti ebeyiphunga. Wabamba uLungiswa ngengalo wamnqabula emlonyeni.]

Lungiswa: Zoro maan! Uyabona uphantse ukunditshisa ngeti? Ubuzothini ukuba benditshile apha?

Zolile: Uxolo s’thandwa sam va. Bendizokhala nam ukuba ubutshile apha. Enye into ndenziwe yimincili yokuba ndiyifumene imoto yam. Ufuna siyephi namhlanje? Ndike ndikukhuphe.

Lungiswa: Andifuni ukuphuma mna s’thandwa sam. Masigcine imali le besiza kuyisebenzisa, sithenge umbengo wegusha sihlale apha okanye siye endlwini yakho sibukele umboniso bhanya-bhanya omnandi. (yatsho lentombazana incumile isambambe ngesandla uZolile.)

Zolile: Ubungandixeleli nje lonto ndingekahambi kangaka ndisiyothatha imoto. Ndiyahamba kemna ndisa lemoto kumntakwethu aqhawulise ezakhe ingxaki. (atsho ephuma engalindanga nempendulo kuLungiswa.)

Lungiswa: Ndizogoduka kemna ukuba awukwazi ukuhlala nam ungahambi ngamoto.

Zolile: Ndiyebuya kaloku. Qha kufuneka ndifumane no KFC esizokonwaba ngaye ngoku sihleli apha imini yonke.

Lungiswa: Ukhawuleze ke ndingahlali ndodwa apha.

Zolile: Izobangathi khange ndihambe nakancinci oku. (atsho encamisa uLungiswa entloko nasebunzi emva koko aphume ahambe.)

[Ungene emotweni wangathi uya ngaseMontana ukuphuma oku. Wadlula ngathi akayiboni londawo, wayakungena kwindlela iModdedarm. Wahamba ngayo ukuyongena kuhola wendlela oya ngaseKapa. Wathi akufika kwisiphambuka esiya ngaseMowbray wathi cebu kuhle waya kumhlobo wakhe uTera. Wafika kulendedeba imaxhaphetshu idlala umdlalo womnyazi kwisitalato esiphambi kwamagumbi okuqashisa aseSerengheti.)

Tera: My friend. You are back so soon.

Zolile: Ndimfumene umntu for lamcimbi mfowethu.

Tera: Umthembile ukuba uyawubamba umtshini?

Zolile: Ndizomgcina ngentetho ethambileyo ndakugqiba ndithi makagcwal’ithafa my friend.

Tera: Utheni ungamxeleli then wena umbethe ngerhayi for i-part yakhe? Ayizojampa le-way?

Zolile: Myekele kum my friend. Mna ndizoya naye kwisgorana ezpido ndimenz’ ifrow till irhayi ibephashash. Zonke?

Tera: Ikhobolo?

Zolile: Uyaz’thola kaloku mfethu akukho gorans apho.

Tera: Nges’mandana iyaphikelela i-mission ke ne?

Zolile: Ayicace. Moja mfethu, mandiye kwakhona edladleni.

Tera: Itransi?

Zolile: Iyavaya nam. (watsho engena emotweni wavala icango warhuqa.)

[Wathi xa abuyayo wadlula ngoKFC eGatesville. Wahamba edlala iingoma zikaTupac, de wayongena eNew Rest. Wafika wayimisa phambi kwendlu imoto wangena enoncumo lukaBlankethe. Wafika uLungiswa engekho endlwini kukhala ibhungane. Ingqondo yakhe yayiqala ukunxuba, wambona esithi tshe efestileni. Wangena uLungiswa wabeka isitya sokuhlambela ebesiphethe phezu kwetafile.]

Lungiswa: Zolile! Ndicela uhlale phantsi bhuti. (atsho naye ehlala phantsi)

Zolile: Yiza apha kaloku Lungi wam. Yizohlala apha phezu kwam sincokole. (atsho naye ehlala phantsi) Kodwa phambi kokuba uthethe, nam kukho into endifuna ukukuxelelela yona. Nam undibona ndizula nje kukho into endisindayo apha ngaphakathi kum. (watsho uZolile eyibona ukuba lentetho kaLungiswa iyangaphi. Wabona nendlela le elinenekazi elalifinge ngayo iintshiya ukuba iliwa lingathi libhek’umoya)

Lungiswa: Ushiywe lixesha ke bhuti. Ngoku mna ndiyahamba, xa ukhulile uzuphinde uzame ukuba ndizobe ndisenomdla wakho.

Zolile: Lungi! Masitshate kuqala emva koko sibone ukuba ubom busisa ngaphi na. Oh yhini nzwakazi yam entle. Oko namhlanje ndizulela ukukuxelela lonto, qha ndinoloyiko lokuhetshwa okwetshologu.

Lungiswa: Uyaqala nokundibona izolo oku. Uzothini ukuba ndiziqu zibini kukuphambana apha?

Zolile: Ndizonilobola nobabini nesosiqu sesibini sakho. Kodwa wazi nje ukuba sona sizolala kwelinye igumbi ngokuhlwa. Ndicela undamkele kwesisicelo sam.

Lungiswa: Ndixelele izizathu zibe zithathu ezinokubangela ukuba ndikutshate. Emva koko undixelele ezine ezibangele ukuba uyeke ezinye iintombi ucele mna ukuba mandikutshate.

Zolile: Izizathu ezinobangela ukuba unditshate kungokuba uyandithanda, uyandithanda futhi undithanda. Ezibangele ukuba ndikucele umtshato kungokuba ndiyakuthanda, ndikuthanda futhi uthandiwe ndim. Undixelele ukuba kukho isizathu esingabalulekanga kwezo ndikunike zona.

[Kazi uzakuyitshata na uLungiswa le ntwana. Kodwa masibashiye kanjalo ke bengeka phendulani benjalo.

***

Isichazi magama

Isgorana -umama

Gorans – ingxaki okanye utshaba

Rhayi -imali

Ukurhaya -ukuhlawula

Vaya -hamba

Transi -imoto

Mbethe -mnike