Sikwidolophu yaseKapa kwindawo yaseGugulethu eNew Rest. Sikwindlu kaZolile Mda, umfo waseMankabaneni eNgcobo. Lomfo uhlala kulendlu yedwa oko wathi waxabana nentombi awayehlala nayo. Umf’omkhulu lo uphangela kwaADT ekungumzi woonogada, apho yena aqhuba esihla enyuka ngebhayisekile.