Uthando lwabo lwalubengezela ngamathamsanqa, kwakungekho namnye oyakuze angene phakathi kwabo. Indlela ababethandana ngayo uThamsanqa noNobuhle babesoloko bengumtya nethunga benomfaneleko. Zazilila iintshaba zothando lwabo xa zibabona, zimana ukuthi asilothando olo ngumnqa kuba iimvelaphi zabo zazohluke kakhulu.

Kaloku uNobuhle babengamahlwempu kowabo, ikati ilala eziko mihla le, kanti uThamsanqa yena kwakungabikho nanye imini kwelakhe ikhaya kulalwa ngezisu ezibhongayo zixela indlala.

Wayesithi uNobuhle akucinga ngesithandwa sakhe umbone emomotheka ngokungathi unyunjazwa zizinto ezingabonwayo, asuke athi, “Undofa naye wam.” UThamsanqa yena kwelakhe icala wayesibiza isithandwa sakhe esinguNobuhle ngoDali, athi “Umuntuza wam.”

Esisibini uthando lwabo lalufihla kubantu abadala, ingakumbi abazali babo babehambela kude kunabo amaxesha amaninzi bebabonana ngorhatya kumnyama. Eziluhlaza azilali embetheni, zazivakala iindaba zezithandane zimana zisiyakundwendwela nasezindlebeni zabazali babo. Zazibakhona nezazithethwa iindaba zolwimi zibangelwa ngumona kwabo babelunyhasha bengalufuni uthando lwababini.

Iziphumo zokubonana ngorhatya kwezithandane azizange zibezihle kwaphela. Zabangela ukuba abazali bakaNobuhle baqamele ngeenyembezi njengoko intombi yabo yayisele ikhulelwe. Wayesithi umamakhe akucinga ngehlazo nomthwalo oziswe yintombi yakhe ekhayeni, anga angatsho isijwili ecinga imeko yendlala abakuyo.

UThamsanqa yena iinkukhu zangentseni zazikhala engakhange awavale amehlo, ejikajika kumandlalo, iingcinga zimphethe. Wayezakuyiqala ngaphi incoko yokukhulelisa intombazana angazange ayazise nakowabo. Wayemana ukulinda amaxesha afanelekileyo wokuchaza umonakalo awenzileyo.

Kwaqengqeka iintsuku zilandelwa ziiveki kunye neenyanga. Engqondweni yakhe wayengenise intlanganiso yokuba uzakumtshata uNobuhle aze akhulise nomntwana wakhe kwikhaya elifudumeleyo. Wayezithyola ngokwenza ubomi besithandwa sakhe nzima nosapho lwakhe.

Walila isijwili uNobuhle engavumi ukuthuthuzeleka akuva iindaba ezimbi zokubhubha kukaThamsanqa kwingozi yemoto awayifumana esiya esikolweni, njengoko wayesele ekwimfundo ephakamileyo efundela ubugqirha edyunivesithi. Wayesele eneenyanga ezine ekhulelwe. Kwakunzima kuye akucinga ngokuyakuzibika kubazali bakaThamsanqa ukukhuleliswa kwakhe ngunyana wabo ongasekhoyo.

Akuzange kubekho ngxabano phakathi kweentsapho zezithandane ezibini. Kwavumelwana ngelokuba uyise wosana uyakubonwa xa usana luzelwe. Emveni kweenyanga ezimbini umntwana ezelwe iinkonde zosapho longasekhoyo zayakundwendwela usapho lukaNobuhle ngenjongo zokufanisa usana.

Lwafumaniseka ukuba ngenene lolukaThamsanqa.

Umama kaThamsanqa zachiphiza iinyembezi kuye esithi, “UmkhuluThixo!”

Waluthiya usana ngokuba nguLikhona, esithi likhona ithemba lokuba umntwana uyakuphila iminyaka ephilela naleyo kayise onguThamsanqa, afunde esizisa uvuyo kwiintsapho zombini.
Umama kaThamsanqa wagqiba kwelokuba aluthathe usana xa luminyaka emibini alukhulise elufundisa engajonganga kuvuzwa ngaloonto, ukuze uNobuhle aqhubekeke nezifundo zakhe.
Laphela njalo ke ibali likaLikhona Ithemba.

***

Sixelele: Likwenza uzive njani elibalana lezithandane?