Umntu owenza umehluko empilweni yam ngu Fikiswa, umama wam. Nditsho kuba wayengumzali ebomini bam xa baye bohlukana notata wam. Umama wam zange axakwe ndim, waye wazixelela ukuba okusele kwenzekile kufana nokudaliweyo.

Wazixelela ukuba yena uzakuba ngumzali noba kwenzeka ntoni, akasoze andilahle noba kunganzima kangakanani kuba kwakunzima shame kuye ukundikhulisa. Sasishiyeka no makhulu wam ukuze yena aphangele, kube nzima ku makhuluu xa imali ingathunyelwanga.

Kodwa kwa umakhulu wam waye wenza amacebo-ndenzile ukuze ibekhona into esuswini kuba wayemazi umama wam uyazama. Xa ethe wafumana loontwana wayeyithumela ekhaya ukwenzela ikati ingalali eziko. Wazama umama wam wade wamfumana umsebenzi ekuqgibeleni, yatsho ngalo mini ikati yasuka eziko.

Umama wam uthe wakufumana umsebenzi kwanzima kakhulu ukuba athethe nomntu webala kuba kaloku kule ndawo ebebamba amatarhu kuzo bekuthethwa isiXhosa sodwa. Kodwa ndimkhuthaza nam ndisithi “Hayi mama, suku lahla ithemba, ngenye imini kuyoze kulunge.”

Nyani ukunyamezele bethuna kodwa ekuqgibeleni uba khona umvuzo, kuba ngoku akufani nokuba ngewayehleli endlini engenzi kwanto.

Yilento kum eyohlala ebalulekile empilweni yam.

Akukho omnye umntu oyakuthi athathe indawo yakhe kuba akekho omnye umzali oyoze adlale indima enje ngaphandle kwakho Mamfene.

***

Sixelele: Mvuzo mni owakhe wawufumana emveni kokunyamezela ithuba elide?