Kwilali yase Mqanduli kwakukho ikhaya elalidume kunene ngokungabi nangqeqesho emntwaneni ohlala kulo. Apha kwakuhlala umakhulu uNozintwembi nabazukulwana bakhe abathathu uSive, Sihle, kunye no Sima. Isizathu sokuba bahlale ku Ninakhulu yayikukuba baswelekelwa ngabazali bobabini ngenxa wobhubhane i-Covid 19 kunyaka ophelileyo. Bathathwa ngu mama ka mama wabo kengoku.

Ilishwa kwabo bantwana bathathu bazelwe ngabantu abangakhathaliyo, ababengaqeqeshi bethanda ukuya entselweni kwakusasa, naloo Covid bayifuna kwezinye yeendawo zokusela kwa Maselwa kwijoyinti ekufutshane neMqanduli.

Bengaqeqeshwa nalapho nto leyo ekucaca ukuba banezandla ezinkenenkene ezingakwaz tuu ukulibamba iswazi.

Bamoshakala abantwana kungangxoliswa, kungabethwa kambe lento yabo yesiqhelo yaneziphumo ezibi kubo, baphela beyeka isikolo bekwibanga leshumi ngenxa yokuba bengafuni ukuqeqeshwa ngoo titshala eskolweni.

Babebambe amazinyo abantu belali luloyiko, beyibona indlela yabo abantwana ukuba iya kwantsonganyawana ntonje abakwazi ukuthetha okanye ukucebisa uninakhulu ngoba wayengathi uNozintwembi wadliswa ngabazukulwana bakhe.

Wagula emakhulu elel’ingandletyananye kungekho mzukulwana umnanzayo, elowo uphuma aye ezindaweni zakhe. Kwamongamela ukufa umakhulu kodwa exhathisile engafuni tuu ukuya kwayiwayo.

Into eyamswelekisa umakhulu engathandi kukubona isimanga sehlazo lokuba BONKE BONKE BONKE BONKE abazukulwana begqi sebetyhala izisu, bephethe abantwana. Yinton unobangela? Kukungabikho ko hayi.

Lemka ke ixhegwazana lingalindelwanga, wangcwatya yaphela into yakhe. Yayingu Wele Wele klo ndwana ka Gogo izintombi zisilwa ngelifa, zifuna indlu elowa esithi, “Yayinguye intandane ka Makhulu”, ngelishwa lomhluzi wamanqina klo ngxoxo mpikiswano yabo uSima obesele etsicela esifubeni ubonakele exhaxha udadewakhe ngocelemba kubini ebusweni.

Khumbula ke! Akukapheli nenyanga seyiyingxuba kaxaka emzini. Ithini na lento?

Ngomothuko omkhulu u Sima wabaleka esiya apho kungenje, kunanamhla oku akakabonakali nangetshengele.

Indlu yashiyeka no Sihle olinqenerha, lomntu otyhafe ehamba nje. Wayeququzela kulo lali efuna into esiwa ngaphantsi kwempumlo ibethwa liphango kuba kaloku kwakungekho nemali ye insurance awayeza kuyifumana emva okanye phambi komngcwabo, ntoleyo ukuxelela ukuba ibhokisi ezo yayizezi zifumaneka nasemgqomeni ntoleyo ichaza intlungunyembe yemingcwabo yabo.

Wayebhejethwa ngabantu bokuhlala besithi akabazi tuu abantu makazizamele. Wayelila kabuhlung ecula esithi, “Eloyi eloyi lamasabakathana, Thixo wam undishiya ngani na?” Engayazi ukuba yabanguye oshiya uThixo mhla mnene.

Kanti lo mntu erhuqa isisu nje unentsholongwane ka Gawulayo, awayifumana kwixhego elaliphezulu ngeminyako kuno tata wakhe, xhego Elo lalineminyaka Eli 75 , yena esekwiminyaka eli-18.

Azange kugqithe nonyaka, kwavakala isithonga sika Sihle nolo sana lwakhe kwakusele lungakabelekwa. Wasokolisa umngcwabo ka Sihle ekhuphe ngaphandle isandla ebhokisini efuna iswazi lokumbetha. Wathi uMfundisi wakuza neswazi wamchwakaza kabini esandleni, satshona isandla. Yayibuhlungu lonto yalo mzi wase Mqanduli, bambi besithi sisiqalekiso abanye besithi yintakatho.

Loo ndlu yabo yanikwa uSibonda ukuba ahlalise abanye abantu kuyo. Budl’ubomi obudala uphile obutsha, bunjalo kanye bantakwethu ubomi ngaphandle kweswazi.

***

Khawutsho: Myalezo mni udluliswa ngulo mbhali?