UZezethu ligama endalinikwa nguMama ngomhla wokuzalwa.

Ndikhule ndiyintwazana ezithandela isikolo necawa, bendinabo abahlobo uCikizwa noZizo sikhula kunye. Ndaliphumelela ibanga lesibhozo ndimazi uhayi kaMama nexesha lokungena endlini ndilixabisile kuba kaloku ingqeqesho kaMama ndandiyihlonipha, ndithi xa ndiphambuka uMama andirhewule andifake endleleni endifundisa ukuhlonipha ndade ndakhula ndayintombi endala ndihlakulelwa indlela ngelizwi leNkosi.

Kwalile xa ndisenza ibanga lethoba waqala uCikizwa wandifundisa ulonwabo sele ndihamba ngorhatya ndingena ngobumnyama ekhaya.

Lihambile ixesha ndiphila impilo yesitalato sele ndingamazi uhayi kaMama, ndithi ndisazihlelele ndizinzile ekhaya, suke athi uCikizwa “Zezethu mhlobo wam masiye kwaBra Joe”.

UCikizwa wakwazi ukundikhupha ekhaya wandidelisa ingqeqesho kaMama endibonisa ubuncwane nobu newu-newu beKapa wandohlukanisa nokholo. Ndithe ndakungena esitalatweni ndaphulukana nekhaya ndamshiya uMama ekhala “Zezethu lumka woyela” wayengalibali endilumkisa kanti uyandikhuthaza.

UCikizwa wandibonisa indoda nam ndathatheka ndileqa uthando lemali kaloku uSandiso wayenguvuzimali.

Kwizenzo zam zobugwenxa wandinqanda uZizo “awuziboni na ukuba uyaphalala” kodwa ndabetha ngoyaba ndiphandlwa luthando.

Ziqengqelekile iinyanga ndisegcibhala ezweni lamaphupha noSandiso sele ndimbulela uCikizwa ndizingca ngobuhlobo bethu, selendiyintombi iKhayelitsha ikhala ngoNobuhle igama lam lokuzalwa sele ndiliva kwabadala. Ndamlahla uZizo obethu ubuhlobo bayimbali ndahamba noCikizwa kwakunye nezinye intombi zesixeko sihamba iindawo zolonwabo, kwathi ngenxa yolonwabo lesitalato ndalilibala ikhaya ndamkhupha uMama kweyam impilo.

USandiso ndamncoma ukubayindoda ngokundikhupha ebuhlwempini bekhaya wandifaka ebomini, uSandiso wandikhupha esikolweni esithi akukhonto ndiyifundelayo ngoba imali sinayo.

Wathi akundikhupha esikolweni wandithembisa ngomtshato nomzi esiyakuwakhela ecaleni kolwandle sizakhele usapho, ndabobotheka ndisifa luncumo ndatsho ndathi afezeka amaphupha am.

Ndithe ndisesegcibhala ndeva umphanga “uCikizwa ubhubhile” yabasisikhalo nje somzuzwana wafika umhla wesifihlo kugcwele amadoda elali izilambi ezixwetyelwe ziidyasi bengekho ovuzimali, ndaqala ndazibuza “kazi kowam kuyakubanjani na”.

Kwathi kusenjalo suke uSandiso wandikhupha endlini yakhe endibiza ngamagama ahlabayo, ndaphuma kulomzi sele ndingasenabani.

Ndayijikeleza iKhayelitsha ndihamba ndicela amancedo sele ndingasenabahlobo, kaloku uZizo ndamlahla ngomhla wendyebo. Kwakunzima,noSandiso sele endijonga nje phofu endinike isidanga sohambo uGawulayo ndigodola nokuba kushushu.

Kwathi kuba uMama engumzali wasikwa yinimba wandithatha wandifaka endlini wandiqhubela kumaziko empilo ndafumana unyango.

Uthando lemali landoyelisela kwelinomhlwa no wokufa umngxunya, ngenxa yengcebiso zabahlobo ndaphulukana nemfundo ne kamva lam, ngenxa yobuyatha ndiqabuke sele kwaphulwe. Kwakunzima iingcinga zingcikiva intliziyo “ubulumko besiyatha bubuyatha” akhathazeke uMama akundibona ndikhala “thula sana lam iNgculaza ayikokuphela kobomi”.

Ndandisele ndililahlile ithemba ebomini ndingasaziboneli kuphila sele ndilindele ukutshona kwelanga ndinabele uqaqaqa suke kwaphuma ilanga.

Ukuphuma kwelanga ndazikhwebula kubahlobo bam ababekunye noCikizwa ngomhla wokwayela kwam. Kwathi kuba uZizo engumhlobo wokwenene wandicebisa ukuba ndibuyele esikolweni, nam ndayithabatha ingcebiso yakhe ndabuyela esikolweni. Kuthe xa kanye ndigqiba ukuphumelela ibanga leshumi uZizo wandixelela nge Chrysalis Academy endixelela nendlela ebuguqule ngayo ubomi bukaSisonke ongumhlobokazi wakhe.

Ndathi ndakuziva ezondaba andaphozisa maseko ndayakhona, ngethamsanqa ndamkeleka kulomzi woluleko nam ndasela kulomthombo wempumelelo ndagqathula kulomasebe azele iziqhamo zempucuko.

Ndabuya eChrysalis ndafumana umsebenzi ndaphangela ndaguqula ubomi bam nekhaya lam, xa kunamhlanje impumelelo ndiyifumbathile.

Ukuphuma kwelanga kwakhanyisela impilo yam ndayibona indlel’eya ebomini.