Ithi yakumila imbewu uqale ubenethemba leziqhamo zayo. Uyikhulisa ulungisela ukuba ikwazi ukuzi-mela. Apho ke ube usilwa nemibungu nazo zonke izinambuzane ezinokukumoshela lento uyifunayo uyipha amanzi, uyinika umhlaba owaneleyo de imile isiqu. Uqale uncome uthi noko uzamile.

Sithi sakumila isiqu uqale ubukele ubuhle bayo sele imane isitsho ngoloo manggabi mahle aluhlaza. Ithi yakudulula uqale ubona imisebenzi yezandla zakho ube uneenjongo zokuvuna, isivuno esihle.

Apho singaziyonke ukuba loo mahlumelo alombewu ayosiphathela intonina, kuba kusithwa umthathi uyawuzala umlotha. Siyithini na loo mbewu xa ithe yasiphathela imidlungu? Siye siyiyeke ikhule yombini, siqale sinjonge ukuba unyaka lowo ingaba simosezulu siyihlukumeze njani imbewu leyo, ukuze ezampazamo zingadluleli kwiminyaka elandelayo.

Siyayamanisa njani lento emntu uthi umanza okukhulelwa azazi ukuba ngoku kumele azihloniphe. Yaye unezinto ekufuneka angazenzanga ukukhulela usana olo lithuye, kwaye nezinto ekumele angazityanga. Nalapha ube ukhusela into ongayaziyo unguba iyakubanjanine kodwa ngexa yothanda nethemba lokuba oku ufuna kube yimpumelela

Lithi lakufika ixesha lokuba umntwana aze uqale ubane ukuba ulinyukile iqhina lokuqala umkhulise umbane ekhula ubone uzenza zonke lainto zodwa ngayo. De afikilele kwilixa lokuba umnikezele kwabaye abazali ootitshala ukutsho bamxhobise ngokwasengqondweni. Uyibukele lentyantyambo iqhakaza ngakumbi

Kodwa siwuthini na xa umthi ufelwe yingcambu kuba wona ungeno kwazi uzimela. Kungoko kufuneka umthi manxa onke uyikhusele ingcwambu ukuze umnti ukwazi ukunika iziqhamo ezingcono ebomini.

Akukho namnye umntu otyala into engenathemba lokuyivuna!!!