Usisipho yintombazana eminyaka esixhenxe. Nantso ivelelwa lilishwa xa kanye isendleleni eya esikolweni nge ntsasa yangoLwesibini. nalapho athe xa ephantsi komthi omkhulu wavelelwa lilishwa.

uSisipho ngumntwana ozalwe nguFezile kunye noNosihle kwilali idambuza. Uzalwa nje impilo sele ingasekho ntle kuyise uFezile. Wada wabe uqukwa kukusweleka xa kanye uSisipho azokugqiba iminyaka esixhenxe.

Esweleka nje uFezile ushiya inkosikazi yakhe kunye noSisipho sele ekuqalile ukufunda kwisikolo sase Dambuza, apho wayesenza amabanga aphantsi. Ewe kaloku babengathathi ntweni, bephila ngamabona ndenzile. Usisipho waye angatha umgama olinganiselwa kwi 5 wekhilomitha, nalapho waye hamba ngeenyawo ukuya esikolweni

Kuthe ngelanga lesibini evekini esiya eskolweni, endiqonda ukuba wayesele ewuhambile umgama wesithathu sekhilomitha nemizi eyishiye ngasemva ekude kufuphi nomthi omkhulu nalapho kwakukho amadoda amathathu phantsi kwawo. Wavakala esithi “yho” ebethwa luvalo.

“Yiza apha mntwan’am,” yavakala enye indoda isitsho.
Nyani ke waya, nkonko, lubetha uvalo.

“Mhle lo mntwana,” ivakele isitsho indoda yesthathu. Ancwina amadoda amabini, “mmhmhh”.
“Mntwan’am yiza ngapha ndikubonise ubuhle bendalo,” iphinde yavakala indoda yesthathu.

USisipho akazange akwazi ukwala ngenxa yovalo. Nyani ke bajikele ngakuwo umthi behamba beshiya lamadoda mabini encumile ngokucaca ukuba lichithile apha kubo. Kuthe kumzuzu kwavakala isikhalo sofelweyo kucaca ukuba uSisipho uyadlwengulwa yile ndoda.

Njengoko sasivakele isikhalo sokudlwengulwa kwale mveku ka Fezile, kwakuthi emzuzwini kuvakale ilizwi lomdlwenguli, “Yeyi wena mani, sathana thula… Thula!” nekucaca ukuba ingade imkhame ukuzama ukumthulisa.

“Yho hayi kona Thixo,” ivakele isitsho indoda yesibini kula madoda mabini ayeshiyekele ngasemva. Ngenene ukutsho kwayo yayisikwa yimfesane, noxa yayingenayo indlela yokuhlangula uSisipho.

Lihambile ixesha sele betshintshana ngaye uSisipho, naye sele engasakwazi kulila kubonakala nje ngeenyembezi ukuba uyalila. Nexesha lalinga manga kuba kaloku netishalakazi yakhe yayisele imbuza.

“Hee bantwana bam, uSisipho ayingomntu usonqenayo nje isikolo, kutheni namhlanje?” ibuze yatsho ititshalakazi.

“Mhlawumbi ke masithi lolu suku lwanamhla kuphela,” utshilo umisi Ndamase.

Wayesele ezixelele ukuba kuphelile ngaye uSisipho. Zuku zuku, rhatsha rhatsha, kanti lowo yayingu mzingeli owayegcakela ngezantsi kwinduli enalomthi mkhulu.

“Eh, ndiyasola ngabantu aba bathetha apha ngentla, mhlambi bazenzela into yabo,” utshilo umzingeli. Thwayi thyawi, kabini kathathu ukuya phambili. “Hayi bo, kutheni ndanombilini nekhosi alivumi? Ngeke, ikho into eyenzekayo apha ngentla,” uzibuze watsho umzingeli.

Akazange alibazise uqotse lowo mmango esingisa ngqo kuwo lomthi.

“Mhh kuzofuneka ndichwechwe apha,” utshilo wabe ehlohla ilahle lakhe lokudubula iinyamazane.

Uthe xa evela wayibona lenkazana yaye isihlangu sesikolo kunye nengxowa yencwadi zisakakile. Akazange alibazise.

“Thyiiini madoda, lichithile kwaye aninatloni,” watsho ebakhombe ngelahle. Kwakucaca ukuba enye indoda iyadlunga. Ithe xa izama ukubaleka sakhal’enyameni kanti ubethe inqina.

“Iyhoooo ohhh… ohh,” kanti ikhaliswa bubuhlungu.

Yahlokoma ze kwavakala kubantu abangaphesheya, ze badilika bexhobile bekhawuleza ngelithi baya esikadeni.Vumbu beliqela kungu wele-wele ukusondela.

“Yhoo,” ukhale watsho omnye umfana. Qhwaa, bhaa, duzu. “Ilihlazo nenyumnyezi lento niyenzayo,”

Abazange bafike babuze koko bafika bakhelela ngomsindo kuwo la madoda. Kuba kaloku babebona ukuba umzingeli akanatyala naye wayesevathe ngelahle lakhe lokudubula iintaka.

Abethwe njalo loo madoda ebuzwa namagama, sele igazi liphuma mbobo zonke. Athathwa afakwa kwimoto eyayibiziwe. Nalapho ahluleka zizivubeko zabahlali sele besemapoliseni ze abe ayasweleka. Ze nontwana ka Fezile sebalekiselwe esbhedlela.

Wathi akuyiva lento uNosihle wabindeka ze naye wamelwa yintliziyo. Watshaba kwa oko. Ze uSisipho akuphila wathathwa elugcinweni loo Nontlalo-Ntle.

Isiphelo

Khawutsho: Ngaba iluncedo na ukuba abahlali bethabathele umthetho ezandleni zabo? Okanye inomoshakalo olukhulu?