UCikizwa wayeyintombi entle, ethandekayo, ekrelekrele neze ngobuso ezweni. Wayefuna ukuzenzela igama afunde azithengele indlu atsho nomgrugra wemoto. Kwathi ngenxa yokungamameli abazali wenza unothanda, esehla esenyuka ekhangela into anagayaziyo. Uthe xa eneminyaka elishumi elinesine onke amaphupha akhe atshabalala.

Wathi esahamba ngobusuku wadibana nomfana onamashumi amabini anesibhozo, wamdlwengula wamosulela ngogawulayo. Uthe ke ekukhuleni kwakhe walahla ithemba. Wayeka isikolo kwibanga lesithandathu, waqalisa ukusela nokutya neziyobisi. Ehamba elala ubumi ebuncamile, elindele nje umhla wakhe wokugula abhubhe.

Uye washiywa ngabazali bakhe xa eneminyaka elishumi elinesihlanu.

Uthe kuba ezalwa nabantakwabo abancinci kuye, zabuya iingqondo. Waqalisa ukubuyelwa lithemba kwakhona. Waphindela esikolweni wafunda wapasa ibanga leshumi. Uthe xa enza unyaka wesibini kwimfundo enomsila wadibana nesinqanda mathe sakhe sakudala samcela umntana.

Uthe kuba engacingisisanga wakhulelwa. Wathi akukhulelwa kwanyanzeleka ayotsala amagazi kwakhona. Zaphuma iziphumo zisithi u HIV positive. Wahlupheka kakhulu waphinda walahla ithemba kwakhona. Athi akumjonga nalomntwana aqaqanjelwe ngumthambo. Ebethi noba ubona ibhodi ebhalwa HIV positive oyike, ibengathi umhlaba wonke uyambona ukuba unale ntsholongwane.

Wathi akuweva lomazwi kamongikazi athi “Hayi ke sisi, sifumanise ukuba u HIV positive,” yabangathi usephupheni. Wabangathi uphila kwelinye ilizwe; zonke izinto zatshintsha. Wehla esiqwini, kungangeni nokutya. Kwabanzima noxelela isinqanda mathe sakhe kuba sasesinomnye umntu.

Uthe ngokoyika abantu waphela emncancisa nalomntwana. Elosizana lesana lingazi noba kubethwa abaphi. Uthe ngenxa yesazela sokuncancisa olusizana losana waphathwa ngumthambo yonke imihla de wafikelela kwisigqibo sokuba ayeke ukuncancisa umntwana emva kweeveki ezintathu.

UCikizwa wayenolwazi oluncinci ngesisifo.

Wayebabonile abantu bebulawa sesisifo, nabahlobo bakhe babulawa sesisifo ne-family yakhe yabulawa sesisifo. Wayelindele nje unyaka omnye okanye ababini phambi kokuba abhubhe. Wabuyela etywaleni kwakhona. Ngenxa yeemfundiso zamanesi uye weva ukuba xa unesisifo ungaphila ubomi obude ufane nabanye abantu. Uye wasixelela isinqanda mathe sakhe sabanovelwano kakhulu samnika inxaso. Emva kweminyaka emini batshata.

Ngoncedo loogqirha bakwazi ukuba nabanye abantwana abathathu. Ngethamsanqa umyeni kaCikizwa nabantwana zange bosuleleke nguGawulayo. Uye wabuyela esikolweni wafundela ubutitshala. Ngoku uphila ubomi obungcono. Bonke abahlobo bakhe bayamazi ukuba unesisifo, baza kuye xa befuna iingcebiso ngesisifo. Nabantu bakokwabo bamamkela bamthanda. Ngoku uneminyaka elishumi elinesixhenxe enesisifo, zange wagula.

Isifo sikagawulayo ngusathana ongena ezimpilweni zabantu azitshabalalise. Ukuba uligwala siyakoyisa esisifo. Inye into ugawulayo ayifunayo kukumamkela umazi ukuba uyingxenye yobomi bakho uziphathe kakuhle naye uzokuphatha kakuhle. Uthethe ngaye ungoyiki abantu ukuba bazothini ngoba nguwe ozofa. Masizikhuseleni ke bantu bakowethu kwesisifo. Wena sele unaso samkela utye ukutya okuya empilweni.