Kwakusele kuhlwile ukufika kwakhe ngalo mini, imvula inetha kakhulu. Wafika wankqonkqoza waze wama ngase mnyango enxibe idyasi ende ivuza amanzi. Bonke ngaphakathi babothukile ukumbona emva kweminyaka waduka nezwe.

“Zizipho sana lwam nguwe lo?” la ngamazwi okuqala awathethwa nguMagaba eshukumisa indlu kweso simo yayikuso kuthulwe ngenxa yomothuko. Uthe engekaphenduli uZizipho wabe sele ephakama uMagaba kwikhukho owachophe kulo kunye netyali yakhe awayeyo mbethe emagxani.

Wafika wangamanga uZizipho esame njalo ngase mnyango ngokungathi ulahlekile. Zazehlela inyembezi kuJwarha akubona ngenene intombi yolahleko ibuyile. Kwakusele iyiminyaka ekhangelwa efakwe kumaphepha-ndaba, exhonyiwe kwi powusta, kumagumbi onxibelelwano, kunye namapolisa kwakusele kuthethiwe nabo. Abazali babengayekanga ukuvuka bahambe baye kumkhangela.

Mihla le lalitshona ejonge enkalweni uMagaba apho waphulukana khona no Zizipho. Wayemane ngamanye amaxesha asuke asitsho isijwili. Wayeneminyaka elishumi elinesithathu kuphela. Eyona nto yayimkhathaza kakhulu uMagaba kukuva amahem-hem awayethethwa ukuba akakhathali yaye umntwana ulahleka njani kuye emini ilanga lihlabe umhlaba. Ezo ntetho zazimkhathaza kakhulu uMagaba nanjengoko uZizipho ibingu mntwana wakhe wokuqala nowo kugqibela.

“Ndikhumbula ulahleka kwakhe wayenxibe ilokhwe emhlophe ingathi yingelosi”, la ngamazwi kaJwarha qho xa ecinga ngentombi yakhe encinci. Inene umhlaba uyafihla.
Indaba azihlali ngale mizwuzwana mincinci uZizipho engenile kwakusekukhona abazise kwakhomzi, kwabonakala ngokuthi wayi-wayi kwabantu bethe chasa emzini kaMagaba. Babefuna ukuzibonela ngawabo amehlo ukuba ubuyile nyani uZizipho. Kaloku kwakungasekho mntu wayekholwa ukuba angaze abuye okanye usaphila.

Utshintshe nje ezo mpahla zazimanzi uZizipho wabe sele enikwa ikofu eqhumayo. Babesele bengakwazi ukuzibamba abanye abantu ababelapho befuna ukuva ukuba usukaphi, ebehleliphi yonke le minyaka. Bade abanye bazincama bambuza kodwa isimanga oko engenile uZizipho akawuvuli umlomo wakhe umane ekhupha amehlo wakhe amakhulu ejonga ngapha nangapha. Ithe kanti uyiqaphele lento uJwarha waze wacela abantu bahambe. Baphume bengawuvali umlomo nge kratshi kaZizipho besithi uziphakamisele, akanambeko oko enongaphenduli ebuzwa ngabantu abadala.

Ngobo busuku usapho lakwa Jwarha luye lashukuxa umba kaZizipho kwaze kwafumaniseka uyakwazi ukuthetha qha ebesothukile yaye wathwathwa ngumama walapha emazantsi elali ngokuba yena engenamntana. Afikile amapolisa ezothatha ingxelo uvumile uZizipho ukuba la mama ebemphethe kakuhle kodwa athe amapolisa ukuba amphathe kakuhle akucaphazeli ukuba waphule umthetho ngokuthimba umntu.

UJwarha no Magaba benze isibhadlalala setheko ukwamnkela intombi yabo bevuya, bebonga amanyange ngokuba ibuye iphilile. Ukusukela lo mini yayiluvuyo kuMagaba emva kweminyaka elila wamamatheka. Nempilo yakhe iye itshintsha wabonakala echacha kakuhle.

***

Tell us: Ucinga inoba usuka phi uZizipho?