Kwilali yase Mthombothi eXaba kwindlu ka MaMsukwini kwakukho inja ekwakuthiwa ngu Sibi. Lo njana ka yayikhethekile kwezinye izinja ekuhlalen, intle, ifukufuku, futhi itukutuku. Yayinehokwana yayo entlana, umnikazi wenja wayengayivumeli ukuba iphumele ngaphandle.

Ngamini’zana ithile uMaMsukwini waphuma waya edolophini eshiye uSibi ehokweni yakhe. Uthe uSibi esazihlalele njalo kulontanjana yakhe wandwendwelwa zizinja zelali zimgezela ukuba ungunondlu, zatya nokutya kwakhe. Zamhleka zimngcikiva. Yayibuhlungu intliziyo ka Sibi, wayengakwazi nokuzenzela nto kuba kaloku wayebanjwe yintambo. Phofu ke wayengengomntu womlo. Izinja ezo yayiyinto yesiqhelo ukuza ku Sibi ziyokumtyela.

Kwadlula iinyanga, zaphinda ezo zinja zazondwendwela uSibi, zicela amaxolo zikhuthukile noboya obu bazo. Wazivela uSibi ebawela nokulila kuba izinja ezo zazimbi kunakuqala, ziphephetheka nangumoya. Kodwa uSibi wazixolela, ezicebisa ukuba mazike ziyondwendwela ugqirha zitye ukutya okusempilweni, zingawaseli amanzi amdaka emibhobheni.

Izinja ezo zafunda ukuba sukugeza ube ungekho sendaweni kuba awulazi ingomso lakho, kwaye imithetho yabazali bethu mayilandelwe iqaphelwe.

***

Khawwusixelele: Uziva njani wena ngelibalana lika Sibi?