Mhla ndafa zeninike uMama leNcwadi.

Umyalezo kwizizalwane nezalamane: Zeningaqumbi niqalekise, ningabeki zityholo koo makhelwane, isenzo sam ndiyasazi sigwenxa kodwa andizisoli ngaso. Ndizamile ukunikhanyisela ndinikrobisele ngentlalo endiyiphilayo, kodwa konke oko benikuzimelisa ngamagama athi, “Oxhel’eyakhe akabuzwa” kodwa mna ndabe ndintliziyo iqhekeke kubini.

Nabo bebezibiza izihlobo ezisenyongweni kum bendisithi ndisobavezela ndibachubele ngendlela endiphila ngayo suke bandibone nje ngentlekisa kuphungwa ngam ekuhlaleni.

Ndayibona kwantlandlolo ukuba eyam impilo yophelela esithubeni kuba neli lincinane ithemba bendinalo benilityumza nilirhuq’edakeni. Bekungemnandanga ekhaya ndilikhoboka ndedwa kodwa ndinabo endizalwa nabo ngesizathu sokuba ondizalayo utata wabethwa ngabahlali belali bemtyhola ngokubanemfene. Ndibelixhoba lobizwa nje ngosana lo mthakathi, kusithiwa imisebenzi ebeyenza wayishiya kum nabantu awabathwebulayo ndiyabazi.

Ibibandim ndedwa kunetha kunganethi okhutshwa kusithiwa mandikhangele iinkomo zalendoda ka mama intsha ndingabuyi zingaphelelanga, bekusithiwa noba kuyaduduma mandisinge khona kakade izulu zizinto zika tata akunoba akandifundisanga. Apha elalini ibiseyindim igqwirha, neskolo ndasiyekiswa Phakathi kusithiwa ndizofakela abantwana besikolo amafufunyana. Ndixoleleni ngesenzo sam mhlaw’mbi nizotsho nikhululeke ndingekho nje.

Umyalezo kamama: Mama ngokucacileyo lencwadi uyfunda sele ndijongise umbombo phezulu, ndisingise koo bawomkhulu. Impatho gadalala yakho ufuna ukonwabisa indoda yakho ayizange indenze ndizive nje ngamntwana apha. Ewe ndiyayazi ndiliveza ndlebe kwelikhaya kodwa izenzo zakho bezindenza ndizive okwekhoboka, izihlandlo ezininzi ndibukele indlela endikhethwa ngayo kwelikhaya, ezam impahla bezicelwa emizini, esikolweni ngokuya ndandisaya ndandingenaso nesihlangu, incwadi ndiziphatha ngengxowa ye grabha. Xa ndithunyelwa esikolweni bendixelelwa ngotya ingwenye nee tolofiya kodwa uZolani no Lwandile baphatha isonka, ukutya bekuphekwa ndim apha ekhaya kodwa mna bendilinda kutye wonke umntu ndandule ukukrwela okushiyekileyo.

Benindibethela ukubaneziphumo ezintle esikolweni nisithi kutheni ndingabancedisi abantakwethu. Ndithi ndifunda ngobusuku nindicimele ikhandlela. eyam impumelelo yesikolo niyohluthe ngokwenu. Ndithe ndisajonge leyo mama nandityhola ngothakatha nisithi ndifuze utata. bendingalali zizivubeko zendoda engandizelanga indibethela imfuyo yayo. benindilalisa nee gusha xa zingaphelelanga. Benindihlambisa impahla yosapho yonke babe abantakwethu beyodlala namanye amakhwenkwe.

Mna bendilala ekhukhweni abantakwethu belala egumbini labo ebhedini. Bendingavunyelwa ukuhamba noo ntanga bam xa kusiyiwa emigidini benindixelela ngogcina ikhaya. Bendisinda ndikalika ngokwam okongathi ndim lo utshatele kulomzi. Ndibonile ukuba apha andinokwazi uqhubekeka kuba andisoze ndibengolungileyo emehlweni akho, ingaba ndakwenzani mama ondizalayo lento unenzondo kangaka kum.

Ndandizixelele ukuba ndizofunda ndikukhuphe enyhunyhwini kodwa ndohlulekile kwisandla sakho esingenalusini kum, niyakhumbula ndibuye ngokratya esikolweni ndisukodlala umbhoxo wandigibisela nge hamile edolweni? Ndandifumene inkxaso yokuyofunda kwizikolo zomboxo ezise dolophini kodwa walitshabalalisa lonke elophupha.

Uthando lwakho mama ndalugqibela ngokuya uTata wayesaphila. Nawe unamaxesha okundixelela ngokuthakatha, kunoba ndibulawe yilali ndizoyibopha emqaleni kubekanye ndiyikhabe lebhekile, mama iyobonana kwelizayo. Andizisoli ngesenzo sam ungalili kuba uthando lwam ubungenalo. Bendiba uzotshintsha kodwa kuyabonakala ukuba uxolele ukuba kusuke mna emehlweni akho kunokuba ushiye le ndoda yakho. Ndiyohlala ndikuthanda mama ndikunqwenelela ubomi ubude uzobona ukubaluleka kwam ebomini bakho.

Bendicinga uyokundikhusela kodwa ube ngowokuqala ukubethelela isikhonkwane ekwenzeni ibhokisi yam yomgcwabo. Ndiyacela koyifumeneyo le ncwadi ayinike umama kuba mna ndobe sendiphumlile kwisandla esitshisayo nenkohlakalo yalomzi.

INcindi YoSiba

***

Tell us: Nanku umbhali uphalaza imbilini yakhe ngempatho mbi yabazali bakhe, uziva njani emva kokufunda lo mbhalo?