Unwele siluxabisile kuba lulo oluqulathe umzila ochaza ubuthina. Amandla neqhayiya womntu asezinweleni zakhe. Unwele sisitshaba esigqamisa ubuhle bendalo bomntu.

Mandulo kusadliwa ngendebe endala bezingachetywa iinwele apho zizakuphaphatheka lula. Inwele bezichetyelwa endlini okanye ebuhlanti. Bekuthi ukuze zichetywe kube lixesha lenzila, umntwana xa egqiba unyaka okanye amakhwenkwe xa esiya esuthwini. Inwele bezichetyelwa ebuhlanti kwandule zitshiswe apho ebuhlanti. Le nkqubo ibonakalisa ukuba iinwele kufuneka ziphelele kulendawo ihlonitshiweyo lendawo kuqhutywa kuyo isiko.

Iinwele zizo ezichaza intsukaphi yomntu, njengokuba sizintlanga ezahlukeneyo umntu ubonwa ngenwele ukuba usuka kweyiphi inkalo yomhlaba. Ikwazizo neziqulathe incindi yemfuzo, yiyo lonto kufuneka ziqoqoshwe okanye zitshiswe xa zichetyiwe kuba ziqulathe ubuntu bomntu. Unobangela wokuba zitshiswe kukholelwa ukuba zifike ezandleni zomntu ongalunganga umnini wazo angagula ngokwengqondo.

Amandla womntu asezinweleni zakhe, kuyindelelo ukubamba omnye umntu entloko ingakumbi xa emdala okanye ningenabudlelwane obusendeleyo.

Inwele zomntu ontsundu zizikhulela de ziziphothe ngokwazo ibe zilocs, ziyabukwa kuba zizikhulela ngendalo. Kumaphehlo amanintsi amathwasa awazichebi iinwele kuba kuphakanyiswa izihlwele ezaziphila nenwele zazo zingachetywa.

Ibelifuthe lenkolo yasentshona ukuba sichebe iinwele kwanye kuthwalwe iinwele zentengo zolunye uhlanga. Ifuthe lasentshona lisiphembelele ekubeni sikholelwe ukuba iinwele zethu azikho ntle kwaye azibukeki xa zinkulu. Kude kuthiwe xa ufuna ukuba linene cheba iinwele okanye inenekazi malinxibe iinwele zezinye iintlanga, iinwele zentengo.

Iinwele zethu zintle ziqothololo zinje. Ndimemela ukuba masizidle ngenwele zethu kuba ezinwele azifani nezezinye iintlanga. Unwele sesona sitshaba umntu azalwe naso, ekufuneka esinxibe ngamaxesha wonke. Masizidle siqhayise ngenwele zendalo amandla wethu alele kuzo.

***

Tell us: Uyazingca ngenwele zakho?