UNontezelo ubalisela umalume etywaleni ngesizathu sokungafiki ngexesha kwisichenene somntakwabo.

Nontezelo: (kuyaselwa etywaleni) Hayi mna ndixolele ukuntswayiza ndiziyele e-khitshini

Malume: Uyithethiswa yintoni lonto?

Nontezelo: Ndingena kwamakhelwane ngalentsasa xandisebaleni kuphume utata walapha eqhashambula ebaleka adlule apha kum, ngumntu osekhulile ke mos. Ugqitha ngamendu unxibe ibhigini kuphela ubonakala emanzi. Ndime ndibheke, ndithi ndisajonge leyo ndisathe nqa, xa efika esangweni ajike ngokhawuleza agqithe kum kwakhona, angene endlini, mbakra ucango avale. Hey ndixakwe, ndivele ndingayazi nokuba ndijike okanye ndingene. Kuthi kusenjalo kugqithe utata uGxakhu ndithi tat’uGxakhu wethu khawusondele mani. Ndiyibeke imeko, angene yena, mna ke njengomntu obhinqileyo ndilinde phandle. Ndimve xa esithi yho ikwenzakalisile le ntwana, ndibaleke ndingene. Kanti ebese vaskomini ehlamba kuba ke kusebusika akhawuleza abanda amanzi xa sele efake inyawo. Njengomntu osekhulile oyintloko yekhaya akhwaze. “Kwedini iza nalaketile ise kitchen uzogalelapha ayabanda lamanzi.” Weza uJubilee wagalela emanzini umuncu kaloku una 13 years, kanti ugalela phezu kwenyawo. Simleqise esibhedlele ityhu engako silibele apho.

***

Itsho: Ucinga ntoni ngelibalana lingentla?