Mna ndiyakwaz’ ulala ndingadlile, ndivuke ndiye esikolweni ndingadlanga futhi ndingazi nokuba ndizobuya ndidleni ekhaya.

Mna ndiyakwazi ungabina jersey yesikolo ebusika kubanda,ndinxibe eyasekaya khona ukuze ndifudumale nam athi utitshala khulula lo jersey wasinxibela eze krismas ndisale nge shirt izenzele kum ingqele engazi ukuba ndiyarhalela uyinxibela nalo xmasi qha simo asivumi.

Buza kum mntakwethu,mna ndiyakwazi unxiba impahla enye njalo makuphunywa neskolo bathi abanye abantwana uyazitanda nyhani ezi mpahla zako,kubekhona ezingibiza ngombal’enkomo kodwa abazi ukuba nam andisazitandi ndenziwa sisimo ndiphelele kwezi.

Mna ndiyayazi imeko yonxiba izihlangu eziwe amacala ndiya eskolweni xa kunetha imvula amanzi angene wonke ngoba zikrazukile.

Xa ufuna ubusi kumele uqale uphakule iinyosi ukuze ukwazi ukufika kubo,nempilo engcono injalo ke mntakwethu iyasetyenzela kunzima ayosuleli nyamezela ungancami.

Notatu Mandela zange azalwe esisityebi waqala entluphekweni,iintetha zabantu mazingakwenzi umtha wedolo Koko mazikunike amandla ngoba kucacile umzamo wakho uyabonakala,nezinja aziyikhonkothi imoto emile ziyayichamela iincwadi zakho zizo ezizotshintsha ubomi bakho!

Mna ndihlupekile mntakwetu ekaya silala ngenkobe sehlise ngomthandazo.

Kodwa kunjalo ndazixelela ukuba ayikho ishop ethengisa intlupheko nam andiyicelanga,ngelinye ilanga imeko izotshintsha.

Ndifuna ukuthi kuwe nayo le yeCovid iyedlula ngeke kuhlale kunje ezweni lethu ungancami,ewe isimo sinzima kakhulu nakuqala kodwa wena jonga izifundo zakho uzovuna.

Ndiyawazi amalanga wokuthi xa uqhamka ubone imbiza eziko kowenu ubenethemba lokuba kuphekiwe, kanti umama wakho ubeke amanzi usacinga ukuba uzoyocela kowuphi umzi umgubo?

Thula ungakhali kuzolunga,zinqwithela nje ezi ziyedlula khona ukuze nawe xa sowuphumelele umazi omnye umntu ohlupekile ofana nawe!

Nditi phuma ejele lokuzijongela phantsi ngenxa yesimo sakowenu,eli lixesha lokuba wena uqhubekele phambili ezifundweni zakho ukuze sitshintshe ngawe.

Mna ndiyakwazi uphatha nge plastic iincwadi zeskolo,uthi xa ukhupha incwadi ye homework bahleke abanye abantwana bathi uyangxola bafuna ufunda bona uyabaphazamisa.

Wena ungokhethiweyo ukuba uze uzomela abazali bakho,ufana nejoni elizomela ilizwe empini.

Mna ndiyakwazi uyohlaliswa ekhaya ngoba naku ndingabhatalanga school fees de umzali wam azochaza.

Buza kum ndikuxoxele indaba,mna ndiyayazi imeko yokufumana incwadi ephuma ebanganini besithi asisadli nawe nge break ngoba awuphathi mali.

Mna ndiyalazi elithi ayikho iwashing engomi lichaza ukuthini,nakuwe ndithi nyamezela sekukufuphi phambili ungalahli itawuli.

Mna ndiyabazi ubunzima bempilo,ndikule ndihlukunyezwa kuhlekiswa ngesimo sasekhaya ngabanye abantwana esikolweni ndingenayo indlela yositshintsha,kodwa oko kwandenza ndomelela ndiyakwazi ujongana nezimo zempilo nditsho nokuba zezinjani nah.

Umama wam wayehleli esithi Kum impumelelo isentabeni,alikho ingcwa lendlala uzophumelela funda ungajongi emva ngenzeka unyawo lwako lushelele.

Mna ndiyakwazi uthandaza vele kuphele amagama zehle iinyembezi,ndigqibele ngokuthi nkulunkulu wena uyakwazi okusentliziyweni yam amen!

Ukukhala akuncedi kohlula ibhokhwe yima nje ngo Yobhi….ulwele impumelelo yako,imfudo ngeke yakuphoxa futhi ngeke yakushiya iyohlala inawe ngamaxesha onke…. nyamezela umzuzu wokugqibela.

Rhoqo ekuseni xa uvuka usiya esikolweni yiba nombono wakho unxibe umxhaka nesidanga sakho nyamezela mntasekhaya.

Buza kum ndiyazi kwandisebenzela oko,ndiyilento endiyiyo namhlanje ngenxa yokuzithemba noba abantu sebethi kuphelile ngam kodwa ndivuke ngizivuthulule ndithi lapho endiya khona kusempumelelweni noba ndifike ilanga litshona inqobo nje uba ngifikile!

Nam andilalanga nje ndavuka sekulungile ndidibene neembandezela…ndahlangana neembumbulu zika sathana kodwa ndaphuma ngapha kwazo unjalo ke umntu ofuna impumelelo akapheli mandla.

Tell us: Ufunde ntoni kule essay?