Ndingumntu ohlala enoncumo kwaye edlamkile. Abake bachitha ixesha, nabo basondeleyo kum bandazi nje ngomntu owonwabisayo, onobuntu nothando, othanda ukudlala nokuhlekisa kwaye ongumthombo wenkuthazo neengcebiso ngobomi. Kodwa Kuninzi okungaziwayo ngam okuyinxalenye kumntu endinguye nakwindawo endikuyo namhlanje.

Ndiyinkedama. Abazali andisenabo kwaye ndikhule ndaphila ilixa elininzi lobomi bam ngaphandle kwabo. Ngaphambili kokuba basweleke, olwethu usapho lwalungenalo uthando nemvisiswano. Abazali bam babehlala besilwa rhoqo, umama sele etshintshe engawuthozamelanga umendo nomzi wakhe, esela utywala engahoyanga nanye eyakhayo ebomini. Ixesha elifutshane endilifumeneyo lokuphila nabo lele ntlungu neenyembezi kuba andikhumbuli nalunye usuku sonwabe sonke nje ngosapho. Bandishiya ngasemva nomnakwethu oyinto yonke kum, ogama lingu Vuyolwethu.

Utata wasweleka ngonyaka ka 2000 kwingozi yesithuthi, ngelixa ndisenza ibanga lokuqala esikolweni ndineminyaka esixhenxe yena umntwakwethu enonyaka neenyanga ezintandathu ezelwe. Esweleka kwindlela esuka eRobertson esingise eWosley esiyokulanda imali yokuthengela mna ibhayisekile endandimtshutshisa ngayo. Olo yayiluhambo ekwakumele siluhambe sobabini kodwa wathi ezondithatha suke andabinamdla ndathi makahambe yedwa abuye nayo. Ngelishwa okanye ngethamsanqa yathi kanti kukolohambo azakusweleka kulo.

Emva kokusweleka kuka tata wethu ubomi basuke bayincidi yekhala. Sikhule siphila ngokuhamba sihlala sigciniswa kwimizi ethile yezihlobo zikamama ngelixa yena esiya eziyolweni. Wayengasikhathalelanga kuba wayesibeka nje asishiye engahoyanga nokuba impatho yethu injani kulomakhaya. Kwakukho amaxa okuba uVuyolwethu angatshintshwa xa ezimoshele, akhale evalelwe kwigumbi lokulala kuba enuka kwaye ebhuzwa ziimpukane. Ndandiyibona intlungu kodwa njengethemba lakhe lokugqibela ndandihlala ecaleni kwakhe ndimdlalise okokuba nje angakhali. Wayegcinwa enjalo iintsuku ade atyabuke kabuhlungu.

Umama wayegqiba lonke eli liphandle. Ndikhule ndibona umama wam elala namadoda ahluka-hlukeneyo phambi kwam, engasenakhaya. Kule meko sahlangulwa ngumakhulu wethu kwicala lika tata. Kuye kulapho Sikhulele khona de sangamadoda.

Oko yaba kukwahlukana naye umama wethu. Wandishiya ngo 2001 ecaleni kwendlela eRobertson esithi mandimlinde khona eyokundithengela le bhayisekile ekwakudala ndiyifuna utata wam esaphila. Yathi kanti yimini yam yokugqibela ukumbona leyo kuba ndema apho kwatshona ilanga ndinethemba elikhulu kanti ndibambe iliwa, ndilinde ukuza kukaNxele.

Ngo 2004 safumana umphanga wokusweleka kwakhe. Ukuba phi okanye njani, nanamhlanje isengumnkqa. Ngenxa yempatho yakhe nangokungavisisani phakathi kweentsapho zabazali bethu asizange siye kumfihla. Kukhona ndiva kulonyaka uphelileyo ukuba umama wam waswelekela kumatyotyombe akwilokishi yakuKomani esitsha netyotyombe kunye nendoda awayehlala nayo. Kubebuhlungu ukuqaphela ukuba bobabini abazali bam basweleka ngomlilo kuba notata sathi sovutha sitshe isithuthi sakhe wabe uyasweleka kananjalo.

Umntakwethu akazange wababona abazali bakhe kwaye akabazi. Ndim oshiyeke noxanduva lokuba ndimnike ufifi ngobomi obufutshane babazali bethu.

Ndikhule phantsi kweemeko ezibuhlungu endingazinqweneleli namnye umntu. Kweezomeko andizange ndivume ukutshabalala. Ukomelela bekunyanzelekile. Kwinto yonke eyenzekayo kuthi, andizange ndivumele ubuhlwempu bundityhafise. Ngoku ndineminyaka engamashumi amabini anesihlanu, umntakwethu unamashumi amabini ubudala. Sihlala eSaldanha kwityotyombe kwaye sinakekelene. Silwa sizamana nempumelelo. Siliphumelele ibanga leshumi. Kulonyaka ndibuya eChrysalis Academy, yena uVuyolwethu ufundela ubunjineli eTransnet. Asiz’ulahla ithemba ebomini. Imeko yethu, yokuswela uthando nenkxaso yabazali ayisityhafisi. Ewe kubuhlungu kodwa sikrele-krele ngokwaneleyo ukwazi ukuba ukuswela yinto yasemhlabeni ubani anothi akwazi ukuyiguqula. Kusemandleni ethu ukuzihlangula kuyo. asinikezelanga ebomini. Asililahlanga ithemba.