Amazwe amaninzi agqwesile ngokwezemfundo ngenxa yokuba izifundo bazenza ngolwimi abaqhelene nalo. kubalulekile ukuba nathi njengesizwe saseMzansi afrika sifundo kuwo.amazwe afana njengoma China abafundi bafunda ngolwimi lwabo kwaye bagqwesile kwizifundo ezifana nezibalo nobuchwephesha.ithi lonto ulwimi lwesingesi xa ungalikwazi ayithi lonto akuhlakaniphanga.ngoko ke thina singenza njani na ukuze izifundo zethu sizenze ngolwimi lwethu?

*Kuma zinga aphantsi nawaphezulu makuqinisekiswe ukufundwa kwencwadi namabali olwimi omntwana
*incwadi zezifundo maziguqulelwe kuwo onke amalwimi omzantsi Afrika
*abazali mabaqinisekise ukuba rhoqo ngosuku umntwana uyayifunda incwadi ingakumbi eyolwimi lwakhe aqhelane nalo.
*idyunivesithi zeli nazo mazenze utshintsho ukuze xa abafundi befikelela khona bangabi phantsi koxinzelelo kuba bengasiva kakuhle isingesi.

Ngeyiphi indlela yokubona lento ukuba iyasebenza ? Xa kunokuthi kuqalwe ngabafundi abakwisigaba sokuqala (grade 1) bonke belizwe ukuze oku kuqhubeke kufikelele kwisigaba sesihlanu(grade 5) ngalendlela kuzakubalula ukujonga umsebenzi owenzekileyo kuleminyaka imihlanu .ithi lento ababantwana bazakuba sebeqhelene nolutshintsho.kananjalo kufanele baqhubeke kwakhona befunda ngolwimi lwabo ukuze bafikelele kwisigaba seshumi elinambini (grade 12).

Ithi lento njengokuba kusenziwa olutshintsho amabanga aphezulu idyunivesithi kunye ne kholeji kufuneka ngelixesha olutshintsho luqala kumabanga aphantsi kubekanti nazo ziyazilungiselela ukuze abantwana benze izifundo ngolwimi lwabo emveni kwaleminyaka ilishumi.Yonke into inexesha layo yanga abafundi bangalifumana ithuba lokufunda ngolwimi lwabo !

***