UNksk. Karl wasivumela sonke sathetha. Ndandothukile yindlela abanye abafundi babesenziwa amaxhoba ngayo esikolweni.

“Isikolo sifuna ukuba sibengabantu abahloniphayo ngaphandle kokuvakalisa uluvo lwethu. Ngoku kutheni kufuneka ibenjalo?” yatsho enye inkwenkwe. Wathunyelwa kwidithenshini kuba wasebenzisa igama ekwakusithiwa ligaam eklasini. Kodwa ke wayengenayo enye indlela yokuthetha le nto awayeyiva, inguqulelo yesiNgesi yayingachanekanga kodwa utitshala wayengaboni ngendlela efanayo naye.

Ekupheleni kwedithenshini sava ukuba besiphulaphulwe, izimvo zethu zibalulekile.

“Ndixeleleni, ingaba niyiplanile into yokuba nibelapha namhlanje?”

“Besifuna ukuthetha kwaye khange siyazi indlela esizakuyenza ngayo ngaphandle kokuba sohlwaywe ngakumbi. ULetitia namantombazana afana naye asoloko ekufutshane emamele.” UJasmin wayevutha.

UNksk. Karl wahleka.

“Ndiyayincoma ento eniyenzileyo bantwana namhlanje. Le ibikhaliphile. Ndikwakholelwa ukuba isikolo sifuna ukuba sibenobubanzi nokuqonda. Kodwa zonke izinto kufuneka zenzeke ngendlela ezinzileyo nephucukileyo. Ngoku ndiyanixhasa, kodwa nisonokungayifumani inkxaso yabanye ootitshala. Niplana ukwenza ntoni ngale nto, ukuqinisekisa ukuba oko nikwenze apha namhlanje akupheleli apha?”

“Kufuneka oku sikwazise inqununu nabanye ootitshala,” yatsho enye inkwenkwe.

Ndicinge ngoMnu. Graham. Isenokuba ayilocebo lihle elo, ndazicingela.

“Xa kunjalo ndingacela ukuba nentlanganiso naye egameni lenu. Iya kuba linyathelo lokuqala elo,” watsho uNksk. Karl.

“Ukuba uyala? Kuza kwenzeka ntoni?” Ndabuza ndingekafuni ukubhiyaza kwangoku.

“Xa kunjalo, i-code of conduct yesikolo ithi umfundi ngamnye ukhululekile ukuba afune ingcebiso kwinqununu okanye nakuye nawuphina utitshala ukuba abonwabanga yinto ethile. Ngoku siza kusebenzisa elo qhinga.”

Ngoku sasisiya endaweni noko. Ndandithanda uNksk. Karl xa wayesithi ‘thina’ hayi ‘nina’.

“Ngoku intsimbi sele izakukhala kwaye nizakwehlukana. Khumbula, nizuze okuninzi apha namhlanje ngokuthetha. Kukho amandla xa nibaninzi kwaye ningabantwana bomntu. Abazali benu mabazi indlela eniva ngayo.”

Yakhala intsimbi satsiba kwizitulo zethu sapakisha iibhegi zethu.

“Enkosi Nksk. Karl,” yatsho enye inkwenkwe njengoko yayidlula kuye. UNksk. Karl wabulelwa kakhulu efumana nezincomo ngoko akwenzileyo.

Umoya wam wawusele uphezulu; ndandisazi ukuba sesiphumelele. Ndandingakwazi nokulinda ukuze ndifike ekhaya ndixelele abazali bam.

***

Khawusichazele: Isikolo singenziwa njani ukuze sibenobubanzi ngakumbi? Yintoni ekuzakufuneka itshintshe?