Mandixhentse ndixhathise
Ndixhele’xhukwana
Njengomntwana womXhosa.
Mandiqaqadeke ndiqabuke
Ndiqiqe kuba ndingumXhosa.

Mandiphephe impama eza
Ngesandla sasekunene ngobukrelekrele
Ndichule ukunyathela kuba
Ndiphuma kwaXhosa.

NdinguRhadebe mandirhabule
Ndide ndiyidlulise le bhekile
NjengamXhosa.
Phulaphula xa ndipheka ndisophula
Le nyewe njengandoda yomXhosa.

Mandithi qabaqaba njengomntwana
Weqaba ndikugoba ngeezaci
Nezafobe zakwaXhosa.
Ndiwile ndibethekile ndihambile
Ndifundile kuba wenza njalo umXhosa.

Ukuhamba kubona kodwa ke umntwana
Ontsundu wonke uyafana kuba thina
Siphuma kwaXhosa.
Intsusa nentsingiselo ngamantsintsi
Xa sendithi gqaba-gqaba ngamafutshane
Amazwi akwaXhosa.

Ndiyintonga ephuma emgqubeni
Kuba andinazo ncakasane iintloni
Kuba ndiyazidla ngesiXhosa.
Makubechosi kubehele kuba simnandi isiXhosa.