Nizincamile maAfrika nathi
nina nizofel’isizwe,
Nizincamile nathi
Nilungiselela isizukulwana
Sesizukulwana, natsho nathi
Anoyiki’nto kwaye anibuyi mva,
Natshisa kwa ezoDompasi zengcinezelo,
Kuba kaloku maAfrika nidikiwe
Kungcungcuthekiswa ngamaBhulu,

Ngogcobo nangovuyo lwamaAfrika,
Ibingumngcelele ukuya kwisikhululo samaPolisa,
Umngcelele wamaAfrika ubuzolile,
Imozulu intle ipholile,
Kodwa iBhulu lokuqala umpu liwurholile,
Imvubu esinqeni ibivelile,
Zatsho kabini kathathu
Okwemvula Gqwa! Gqwa! Gqwa!,
Wasitsh’ijwil’umAfrika,

Wasitsho isikhalo esikrakra
Esinganyamezelekiyo umAfrika,
Kwatsho kwatsho kwajika
Nomhlaba wase Sharpville wayinyikima,
Yanguphantsi phezulu
Iyilongxushungxushu AmaAfrika
Edutyulwa, ebethwa, kungekho kubuyamva,
Lachitheka igazi lomAfrika,
Yiyo lonto namhlanje ndisithi
maAfrika nisebenzile,
maAfrika nilifezekisile
Iphupha lamaAfrika lokukhululeka,